Ukuvuselelwa kwethemba kwicwecwe elitsha likaKhanyisa

Imvumi yomculo wokholo uKhanyisa Nkantsu- Sabuka umfanekiso: uthunyelwe

ICWECWE leshumi likaKhanyisa Nkantsu-Sabuka elibizwa ‘Uncedo’ livuselela ithemba kwabo bangasenathemba.

Eli cwecwe lineengoma ezili-16 kwaye kwezinye zazo uKhanyisa usebenze noDumi Mkokstad kwakunye noJumbo Nyangiwe.

“Eli cwecwe lithatha abantu libabuyisele emnqamlezweni apho uncedo lukhoyo. Ukufa kukaYesu kwaba yimpendulo ebomini babantu,” uKhanyisa uncokolela I’solezwe lesiXhosa.

Iingoma ezikweli cwecwe ziquka ethi Uncedo kwakunye noUyasithwala.

“Apha sithetha nomntu ophelelwa lithemba ngenxa yeemeko, sithi uThixo akasiyekeli, uma nathi nasebunzimeni.

“Enye ithi Nasi isimanga soThixo ongahlulekiyo, ithi azange ndimbone okaYehova enqotyiwe. Thumela zonke iingxaki zakho ungazithwaleli, ungazilweli,” kuncokola uKhanyisa.

Eli cwecwe lilandela elithi Ewe Lowo Waziwayo , We Are Ready, Ezintweni Zonke, Amandl’ ovuko, Udumo njalo njalo.

“Simveza uYesu eluncedo kwihlabathi elixakekileyo. Siphila kwixesha elinzima apho amanina nabantwana bexhatshazwa, kodwa sithi uMzantsi Afrika mawujonge olu ncedo lunguYesu,” kutsho uKhanyisa.

Kwinyanga ephelileyo, uKhanyisa uthiwe jize ngewonga leArtist of the Year kwiECMAs, ukanti kunyaka ka2018 wafumana iwonga leBest Female Artist kwiMpuma Koloni International Gospel Music Awards eBhayi.

“Kundivisa kamnandi ukufumana eli wonga lee-ECMA, oku kuthetha ukuba umsebenzi wam uyaqatshelwa kwaye unento oyenzayo ebantwini esibakhonza ngengoma. Ndibabulela kakhulu abantu ngeevoti zabo,” kutsho uKhanyisa.

Eli cwecwe liyafumaneka ezivenkileni. Xa ufuna ukumema uKhanyisa kwitheko lakho, unganxulumana naye nge-email kwa: sabukakhanyisa@gmail.com