Uliphumelele idabi lesazisi uSobukhwe

UZondani Sobukhwe noNyana wakhe uDini Sobukhwe kunye nabasebenzi basesibhedle ngethuba ephuma esibhele eMidlands Hospital eRhafuIMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Isebe lezekhaya kuzwelonke liqinisekise ukuba incwadi sazisi kaZondeni Veronica Sobukhwe, oyinkosikazi kaRobert Mangaliso Sobukhwe, ibanjezelwe ziinkqubo zangaphakathi kwela sebe.

Oku kusemva kokuba eli phephandaba likhuphe iingxelo ezithi eli gqalakazi lomzabalazo ligqibe isithuba seenyanga ezimbini lihleli ngaphandle kwesazisi.

Othethe egameni lesebe lezekhaya kuzwelonke, uDavid Hlabane, uxelele eli phephandaba okokuba banyanzeleke ukuba benze uphando olunzulu.

“Isicelo sakhe ibisesokufumana isazisi esikwikhadi, ngoko ke sinyanzeleke ukuba siqhube uphando siqinisekisa izinto ezithile eziquka ukuba umntu usaphila na, nendawo yokuhlala ukuba ayitshintshanga,” ucacise watsho uHlabane.

Unyana kaSobukhwe, uDinilesizwe Sobukhwe, utyhole isebe ngokungakhathali nangokulibazisa ukubuyisa esi sazisi.

“Kudala sizama, asifumani zimpendulo malunga nokulibaziseka kwale ncwadi,” uthethe watsho kwiveki ephelileyo uSobukhwe.

UZondeni Veronica Sobukhwe ubhiyozele umhla wokuzalwa kwakhe kwiveki ephelileyo nalapho ebegqiba iminyaka engamashumi alithoba. Eli qhawekazi lomzabalazo lazalelwa eHlobane eKZN ngeyeKhala ngo-1927. UHlabane uthi isazisi sikaSobukhwe basithumele kwi-ofisi yabo eseRhafu kwiveki ephelileyo.

“Siyithumele eRhafu ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwi-ofisi yethu ephaya, bangaya bayekuyithatha nanini ngoku, kodwa kumele ukuba bawuthunyelwe umyalezo,”utsho uHlabane.

Uthi ukuqinisekiswa kweminwe yakhe zezinye izinto ezibangele ukulibaziseka kwale ncwadi. Isazisi sithatha isithuba seveki ezintathu ukuya kwezine kweli phambi kokuba zifike kubanikazi bazo.

Eli nyathelo lingqinelana nengxelo ethe yenziwa ngumlawuli wesebe lezekhaya eRhafu Morne Whiteboy nalapho athe.

“Yonke into ixhomekeke kwi-ofisi yethu esePitoli thina siyi ofisi yaseRhafu siwenzile wonke umsebenzi wethu,”watsho uWhiteboy.