ULuckeez Mfowethu unesicelo kubahlali

UMSASAZI woMhlobo Wenene FM, uThembinkosi Lucky Matyolweni, owaziwa njengoLuckeez uMfowethu, uthi ukusonjululwa kombandela wokubulawa kukasisi wakhe kungadala ukwehla konxunguphalo kusapho lwakhe.

Oku kuza emva kokuba amapolisa ekhuphe imali ekwiR50 000 njengembuyekezo yokunika lowo unokubangela ukuba kubanjwe futhi kugwetywe umrhanelwa okanye abarhanelwa ababulala uNtombizanele Marina Matyolweni eMdantsane ngo2018.

Amapolisa athi umzimba kaNtombizanele wafunyanwa ugcwele ngamanxeba ngomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla 2018.

Amapolisa alwenza uphando kodwa akuzange kubanjwe mntu.

“Amapolisa amemelela kuye nabani na onolwazi ukuba aqhakamshelane nomcuphi uSajini Unathi Makala ku 073 444 0904 okanye 043 708 4600/4612. Lonke ulwazi lwakuthatyathwa njengemfihlo,” utshilo uKapteni Khaya Thonjeni wamapolisa ephondo.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kule veki, uLuckeez uthe: “Ithemba lam likubahlali lokuba bancedisane nabecuphi ukusombulula lo mbandela.

“ Ndicela abantu abanolwazi bancedisane namapolisa.”

ULuckeez uthi ukubhubha kukasisi wakhe kwashiya unxunguphalo kwaMatyolweni. “Umntwana kasisi wam yamonzakalisa le nto. Nam buqu yandonzakalisa into yokubulawa kukasisi ngala ndlela.

“Utata ubhubha ethetha ngale nto yokubhubha kukasisi,” utshilo uLuckeez.

Lo msasazi ukwaqhwabele izandla neentshukumo zamapolisa.

“Ndithe ndakubalisela umntwana kasisi ngale ntshukumo yamapolisa, ndambona ukuba unalo uvuyo, endibulela ngemigudu yokuncedisa ukuze kubekho ubulungisa ngokubhubha kukasisi.

Akumnandanga ekhaya, ubulungisa ngokubulawa kukasisi kungenza ukuba sibe buxola ezintliziyweni,” kutsho uLuckeez.