Ulutsha kuphuhliso nezoqoqosho

Kule veki iphelileyo sikhe sadibana nabafundi baseFort Hare bekhala ngelokuba iyunivesithi ifuna baphume kwiindawo abahlala kuzo zeyunivesithi emva kweemviwo zabo zeyeSilimela. Kulindeleke babuye xa kuphela iiholide zesikolo. Lo nto ithetha ukuba kufuneka bapakishe konke okwabo bagoduke okanye bayokuzigcinisa.

Aba besidibene nabo bebesithi abafuni ukugoduka ngoba akubikho nto yokwenza kwiilali abakuzo kanti ukuba bebenokuhlala bebenokuzama imisebenzi yethutyana kwiindawo ezithengisa ukutya nezinye iivenkile ngokubanzi. Yinto entle le enokubaqhelisa ukuzikhangelela amathuba ezidolophini.

Enye yezinto eye ibabethe xa begqiba izifundo zabo yeyokuba baphuma esikolweni babuyele ekhaya kanti kubalulekile ukuba babesedolophini okanye kwiindawo ezinamathuba. Bangonqeni nokwenza imisebenzi abanokuyijongela phantsi xeshikweni besalindile. Okona kubalulekileyo kukuqokelela amava nokuphuhlisa izakhono zabo. Athi umntu engena emsebenzini abe noko ebuvuthwa kancinci.

Iye yothuse mpela into yokuba umfundi, masithi ofundele ubuntatheli, aphume kwiyunivesithi okanye loo kholeji afunde kuyo esithi akawufumani umsebenzi. Xa uphanda uye ufumanise ukuba akakwazi nokubhala iindaba, kwaye sele enexesha ephumile esikolweni. Uzibuze ukuba umntu ebengabhali ngokuya ebesesikolweni? Xa ukwiziko lemfundo ephakamileyo kulapho kufuneka uqinisekise khona ukuba uthatha onke amathuba; usebenzise iikhompyutha nezinye izixhobo zaphaya xa uzilungiselela.

Sivuye kakhulu xa sifumana isimemo senkqubo yolutsha lwasezilalini kwezoshishino. Izakube ipha eTsholomnqa ngoMgqibelo, kwaye sakube sipha siyokuzivela ngokwethu ukuba ulutsha lwenza ntoni. Nathi sicebise apho sinako, ingakumbi kwicala lemedia.

Kulo nyaka wesikhumbuzo seminyaka engamashumi amane kufuneka siqinise ekuqinisekiseni ukuba ulutsha luyawafumana amathuba, kwaye bakwanazo nezakhono zokuzidalela.