Ulutsha malohlukane nesinxilo

Kuyalwe ulutsha ingakumbi olungamantombazana ukuba lohlukane nesinxilo nokuhamba ngobusuku kuba lungazibona lugaxeleka ezingozini ezinkulu okanye luye kwantsonganyawana lungalindelanga.

Oku kuthethwe ngethuba bekubanjwe isihika-hika somsitho kunikezelwa ngezatifikethi zeelayisenisi zokuqhuba yinkampani yaseCoega Development Co-Operation kulutsha lweewadi ezimbini * -36 no 41, nebibanjelwe kwiholo iHenry Fazzie ekwilokishi yakwaDwesi eBhayi.

Lo msitho ubuququzelelwe ngumbutho wasekuhlaleni obizwa ngokuba nguSakhisizwe nongenanto yakwenza narhulumente, uzinyaswe ngamagosa esipolisa, amagosa ezendlela nabazali.

Obesisithethi sembeko noligosa eliphezulu kwisikhululo samapolisa kwilokishi yaKwaDwesi, uNkosazana Fatyi, uthe amantombazana anxila abe ziyoyo angazazi nokuba aphi na, maxa wambi amanye awo othuka sele edlwengulwe iinkciyo sezirhuqa phantsi emaqatheni.

Uthe ukunikwa kwabo ezi layisenisi akuthethi ukuba abantu banelungelo lokuqhuba benxilile okanye uhalala, esithi nokuba bangabanga iimali zokonzakala kwingxowa-mali ebizwa ngokuba yiRoad Accident Fund (RAF) baza kuyibanga bayifumane, kodwa izakuphela bashiyeke bezimbedlenge ezingakwazi kuzenzela nto.

“Zininzi izinto ezimasikizi ezenzekayo kwiithaveni zasezilokishini kodwa akuthethwa ngazo kuba abahlali nabamelwane abathethisani.

“Imvisiswano phakathi kwesipolisa nabahlali, nemvano phakathi kwabamelwane zizinto ezibalulekileyo, nolutsha lungakheka ngokubonela kwezo nto,” utshilo okaFatyi.

Onguceba kwiwadi engunombolo 41 uSimphiwe Tyukana, ukhuthaze ulutsha ukuba lusebenzise amandla alo kwizinto zokwakha uluntu, endaweni yokumanyana ngotywala neziyobisi.

Oyinkokeli kumbutho wemanyano yezemidlalo kule wadi uMelikhaya Mpofu, naye ukhuthazile esithi ezemidlalo zinceda abantu abatsha ukuba bangazibandakanyi nesinxilo nezinye izinto ezingatshongo khona ezingaphuhlisi mntu.