UMabuyane ubhengeze imizimveliso emitsha

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane kwintetho yobume bephondo umfanekiso: bheki radebe

INkuluMBUSO yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ubhengeze ukuba ekupheleni kwalo nyaka kuza kube kukho imizimveliso emitsha elishumi elinesine eMonti neza kuqasha abantu abakwiwaka elinamakhulu amathandathu (1 600), uninzi lwabo ingabantu abatsha.

UMabuyane ukuthethe oku eBhisho kule veki ngethuba esenza intetho yobume bephondo.

Intetho kaMabuyane, ekhe yafumana ukuphazanyiswa ngethuba kukhutshwa amalungu weEFF kubangwa ngelithi anxibe gwenxa kwiNdlu yoWiso Mthetho, ibigxile ekukhuliseni uqoqosho, ukutsala abatyalizimali kwanodalomisebenzi.

Kwezi ntsika zintathu, ebekhe anabe kwezinye logama ebekwasisaqhaga kwezinye. Ngokomzekelo uthi isicwangciso sephondo kukufunqula umyinge wokukhula koqoqosho ngesihlanu ekhulwini (5%) ngo2030, abe engatsho ukuba oku kuza kwenzeka kanjani. Oku kungenxa yokuba iBhanki enguVimba (SA Reserve Bank) ithi uqoqosho lwelizwe alinakudlula ngomyinge wesibini ekhulwini (2%) kule minyaka izayo.

Kodwa uMabuyane ukwazile ukunaba kumbandela wokutsala abatyalizimali, ebalula iziza zoshishino (IDZ) eCoega (eBhayi) naseMonti ngelithi zezona ndawo zinomthamo wokufunqula nokuhlumisa uqoqosho kweli.

Kule mizimveliso mitsha yaseMonti, uMabuyane uthi ukusebenza kwale mizimveliso kuza kuqala ekupheleni konyakamali ka2020/21.

UMabuyane ukwabalule nesiza soshishino saseCoega eBhayi esithi sitsale abatyalizimali abalishumi elinesibhozo, nabatyale imali ekwiR2.6 billion.

Ngokoqoqosho lweelwandle ekudala kuthethwa ngalo, uMabuyane uthi urhulumente wephondo usiphumezile isicwangciso esinobuchule soqoqosho lweelwandle (Oceans Economy Master Plan).

“Esi sicwangciso siqulathe ukufakwa kwemali engange R10.4 billion kuqoqosho lweelwandle lwaseMpuma Koloni ze sidale imisebenzi engama33 000 kule minyaka mihlanu yokumiliselwa kwaso.

“Siza kuquka iiprojekthi ezifana namazibuko amancinane (small harbours) kulwandle lwaseSajonisi, Hamburg, Cawa naseGonubie.

“Iyasivuyisa ingxelo ethi, abalobi bephondo abaliwaka elinamakhulu amahlanu (1 500) bafumene iimpephamvume zokuloba zeminyaka elishumi elinesihlanu kwiSebe lezeNdalo, amaHlathi nokuLoba. Oku, kuza kuncedisa abalobi abaphuma kwiilali ezikufutshane nolwandle ukuba baxhamle kuqoqosho lwezeelwandle,” utshilo uMabuyane.

Kumbandela wembalela uMabuyane uthe: “Iingxaki zamanzi kwiindawo ezifana naseMakhanda naseMnquma siza kuzilungisa ngelima eliluqilima phakathi korhulumente kaZwelonke, owePhondo nowaseMakhaya. Siza kuvuselela amaphulo amanzi, sisebenzisane neSebe lezaManzi ukuze siwandise umthamo wamadama.”

Kuqoqosho lwentsangu ekudala kuthethwa ngalo, okaMabuyane uthi kuza kuyilwa umthetho wokukhusela abalimi bentsangu basezilalini, watsho esithi bakuthethwano norhulumente kazwelonke ukuze kukhutshwe iimpephamvume kubalimi bedyadya (hemp) kwanentsangu (cannabis).

UMongameli weBlack Business Forum uLuthando Bara uthi bakwamkele ukugxila kweNkulumbuso kuqoqosho. “Sakukhumbula ukuba kwikota yokugqibela ka2019 iphondo liphulukene nemisebenzi eyi18 000. Kubalulekile ukuva iNkulumbuso ukuba yenzani ukukhawulelana noko,” utshilo uBara.

Inkokeli yeDA ephondweni uNqaba Bhanga uthi intetho kaMabuyane iyafana nje naleyo kudala ithethwa ngurhulumente okhokelwa yiANC.

“Akukho kwanto ethi kuza kubakho utshintsho. UMabuyane akakhange anabe ngembalela eyona nto esisigrogriso kweli phondo. Ngaphandle kwamanzi akukho nto enokwenzeka,” utshilo uBhanga.