UMabuyane uceba ukuyitshay’ iqhuma!

Usihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane exhawulana noNqaba Bhanga weDA UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

USIHLALO weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane sele enesicwangciso seentsuku ezilikhulu zokujongana neengxaki zabahlali, xa esithi cakatha eBhisho njengeNkulumbuso entsha.


Noxa nje iANC yephondo iza kuthi ihlale indibano kwiveki ezayo ukuze ithumele amagama amathathu wabagqatswa bobuNkulumbuso, icace nakuthathatha ukuba uMabuyane nguye oza kuba yiNkulumbuso. 

Encokolela I’solezwe lesiXhosa eMonti, uMabuyane uthi umsebenzi onzima wokusabela kwimingeni yephondo, sele uqalile.

“Iingxaki zaba bantu ziza kufuna ukuba sikhawuleze sisabele kuzo, kwezi ntsuku zilikhulu zizayo,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane wenze umzekelo ngesikhululo sovoto sakwaWadi 1 eNtlangano kuNtabankulu, esithe sasilela ekuvuleni emva koqhankqalazo lwabahlali abakhalazela iinkonzo.

Noxa nje uMphathiswa wephondo ojongene nooMasipala, uFikile Xasa, ethe wayityelela le ndawo, kodwa kude kwabetha intsimbi yesithoba ngokuhlwa ngoLwesithathu singadange savula esa sikhululo.

“Sidanile ukubona kukho isikhululo sovoto (eNtlangano kuNtabankulu) esithe sasilela ekuvuleni, ngenxa yabantu abe beqhankqalaza. Iyacaca le nto ukuba owona mnqantsa lunyulo loomasipala ngo2021 kwaye kuza kufuneka sisondele ebantwini, sisombulule iingxaki zabo.”

UMabuyane ukwabulele amavolontiya eANC, esithi asebenze kakhulu kwinkqubo yokugaya inkxaso.

“Senze umsebenzi omhle. Sibulela kumavolontiya eANC, enze umsebenzi omhle kakhulu. Sisebenze nzima kwaye siseza kuqhuba sisebenza.

“Asikhange silale sisebenza nzima. Noxa nje imozulu ithe yafaka ifuthe kubantu abathe baphuma besiya kuvota, siyayibulela inkxaso esiyinikwe ngabantu baseMpuma Koloni.”

Ngethuba sibhala eli nqaku emva kwentsimbi yesibini malanga ngoLwesihlanu, iANC eMpuma Koloni ibisankqenkqeza phambili ngo-68.69 % weevoti, ilandela yiDA (15.82 %) ze i-EFF (7.75 %).