UMafa uya kunqandwa ziinkwenkwezi

Ntakazan’ebhabhela phezulu okukakhetsh’omaphiko made,

Ziyantinga iintakazana naw’uphithizela phakathi kwazo,

Uland’ekhondwen’uxel’ibhaku,

Ngathi xa ndisithi ntakazana ndiyaphazama,

Uyintak’enkulu wena eqandusela amaqanda ayolisayo,

Usisibonelo esihle kwabasakhulayo,

Ngathi bangazeka mzekweni,

Ubanikil’umhlahlandlela.

Wunyuke lo mnqantsa impumelelo isentabeni,

Impumelelo iyasetyenzelwa akusi ikhona ayizontongo,

Uz’uqinis’umqolo kuba uliqolo kwawena,

Sivuswa nguwe ngebhlakfesi eyondlayo ekuseni,

Thina ngabanye singxwelerhekile emiphefumlweni,

Sikhululwa yintsini yakho kumadabi omphefumlo,

Noba sezilima kuwe zifika sowuziphekele,

Ubek’ulunya ecaleni wombathe ubuntu,

Uhlale unjalo ke Tshawe gxebe Tshonyane,

Waz’ukuba iimpunde ezifana nam uyaziphilisa emphefumlweni.

Nawe Alicedale awungakanani ukuba ungakhupha amaqhawe,

Ndizingce ngomntwana womny’umfazi ibe ngathi uzalwa ndim,

Suku ngalunye usiza nento entsha ndiba nemincili novuyo,

Indawo ozalelwe kuyo ayikudodobalisanga ingqondo,

Iimfundiso zabazali bakho uhlale uzinkonyile,

Uqaqambile uqhakazile kwaye uqeqeshekile,

Qhakaza uliqhawe lethu siyazingca ngawe,

Wena usithi thina singuwe,

Impumelelo yakho yeyethu,

Inkxaso yethu inefuthe negalelo elikhulu kuwe.

Intobeko yakho yiyo ekubeke endawen’ebanzi,

Sikuthembisa ngenkxaso yethu engagungqiyo,

Le nto uzalwa nayo wakhula nayo,

Mayiphuhle loo talente ungazoyikiseli,

Singabantu bakho nawe ungowethu,

Amanyange akokwenu akuphe amandla,

Ahlale ekuphahlile womelele kwezi ndlela zobu bomi,

Uqine womelele uyakunqandwa zinkwenkwezi,

Xa zifika iimbandezelo uguqe ngedolo,

Umthande uMdali kwaye umthembe Togu,

Ikrele lokulwa noMtyholi lisemthandazweni,

THEMBA MQALA,UZA KUGINYA.