UMancoba ufuna ibheyile!

Banele Mancoba

“Zange ndisifune isicelo sebheyile kuba ndicinga ukuba ityala liza kukhawuleza, kwaye imeko yayingentlanga ekuhlaleni ngela xesha emva kwesiganeko sokugetyengwa kwamapolisa, abahlali babelugcwabevu ngumsindo.”

Leyo yintetho eyenziwe nguBanele Mancoba kwiNkundla kaMantyi eNgcobo, ngethuba ediza ukuba ufuna ukufaka isicelo sokukhululwa ngebheyile.

Lo mfo kaMancoba uthi ebengalindelanga ukuba kuza kuthatha ixesha elide kuphandwa ityala limiswa.

UBanele ekunye noogxa bakhe awayebanjwe nabo zange basifake isicelo sebheyile emva kokubanjwa kwaye bakhetha ukuzimela ngokwabo enkundleni.

Ubuze uMantyi obe chophe enkundleni ngethuba bevela ukuba ingaba kuyimfuneko na ukuba afune igqwetha ukuze afumane isicelo sebheyile.

Ukwathe kukho amaxwebhu okufumana igqwetha lakwaLegal Aid ebe watyikitye entolongweni, kodwa akukho sicelo sebheyile sifakwe enkundleni.

UMantyi kwinkundla yaseNgcobo uTobile Bara, umkhumbuzile lo mfo kaMancoba kwakunye nabanye abarhanelwa abalishumi elinambini kweli tyala ukuba lilungelo labo ukumelwa ngamagqwetha xa befuna njalo, kwaye urhulumente angabanceda ngamagqwetha akwaLegal Aid xa bengenokwazi ukuhlawula iindleko zamagqwetha.

UMancoba ukwadize ukuba akawathembanga amagqwetha akwaLegal Aid kodwa uza kuthatha lona njengelinge. Uthethe wathi: “Xa umelwe ligqwetha olibhateleyo liyakulwela ukuba ufumane ibheyile, kodwa xa umelwe ligqwetha lakwaLegal Aid ongalibhatalanga, mancinci amathuba okuba ungafumana ibheyile.”

UMantyi uTobile Bara ucacise ngelithi akukho bunyani kuluvo olujongela phantsi amagqwetha akwaLegal Aid, esithi naye sevela kuba ligqwetha kwaba baboneleli.

“Amagqwetha akwaLegal Aid abhatalwa ngurhulumente kodwa amele iimfuno zommangalelwa ammeleyo,” uthethe watsho uBara.

Emva koko uMancoba utyikitye ixwebhu lokucela uncedo kumagqwetha akwaLegal Aid, neliza kuqalisa inkqubo yesicelo sebheyile. Ukwathe kukho angakuqondiyo ngexesha aza kulichitha eluvalelweni phambi kokuba ayokuhlolwa ingqondo eFort England.

“Ugqirha owaye ndihlola ingqondo wayethe uza kuphinda abuyele kum, ngoku ndeva apha enkundleni ukuba ndiza kungeniswa khona ngeyoMqungu kunyaka ozayo. Into endimangazayo yeyokuba kukho amabanjwa afike eluvalelweni emva kwam kodwa sele elifumene wona usuku,” uthethe watsho.

UMantyi uphendule ngelithi umbuzo ofana nalowo makawubhekise kwigqwetha lakhe.

UBanele noogxa bakhe abalishumi elinambini babanjwa emva kwesiganeko sokudutyulwa kubulawe amapolisa amahlanu kwisikhululo samapolisa saseNgcobo.

Emva koko kwaphangwa imipu, iimbumbulu kwakunye neevesti zokuzikhusela kwiimbumbulu nezafumaneka kumzi wakwaMancoba okwalibandla lecawe eyayikhokelwe nguBanele ekunye nabantakwabo abathandathu.

Amapolisa adubula abulala abarhanelwa abasixhenxe ekukho kubo abantakwabo abathathu, uThandazile, uPhilile kwakunye noXolisa. Bathandathu abarhanelwa abaseluvalelweni malunga neso siganeko.

UBanele neshumi elinanye bajongene namatyala awohlukeneyo aquka izityholo zokupheka iyelenqe lokuphanga kuxhotyiwe, kwanokuzama ukuphanga indawo ekugcinwa kuyo idizili eNgcobo ngeyoMnga.

Ukwajongene netyala lokudlwengula owasetyhini obekwa lilungu kwibandla lakwaMancoba. Lo wasetyhini utyhola ngelithi wadlwengulwa ukususela kweyeKhala ngo2015 de kwangeli xesha abanjwa ngalo uBanele.

Kwalapho enkundleni, omnye wabamangalelwa uLoyiso Buhlungu uhlabe umbuzo enkundleni esithi: “Yintoni le isaphandwayo kuba sayichaza yonke into esasibuzwe ngayo?”

OkaBara uthe akakwazi kuwuphendula lo mbuzo kuba ayinguye oqhuba uphando.

Ukwalumkise abarhanelwa ukuba baqiqe ngabakuthetha enkundleni njengoko ityala labo lingekaxoxwa. Eli tyala limiselwe umhla wama26 kweyeKhala 2018.