UMasualle kwizizathu zokugcina uMakupula

Inkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, xeshikweni ethetha nabafundi bebanga leshumi abagqwesileyo ku-2016, eMontiUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

NOXA nje izigxeko ziphuma nkalwana zonke malunga nokungaqhubi kakuhle kwephondo laseMpuma Koloni kwiimviwo zikaGrade 12 apho uninzi, kuquka nemibutho yabafundi, lumemelela ukuba kugxothwe uMphathiswa uMandla Makupula, iNkulumbuso uPhumulo Masualle akaboni ngokunjalo.

“Kufuneka sizijonge zonke izinto ezikhokelela ekubeni lingaqhubi kakuhle iSebe lezeMfundo, singajongi kuphela umntu omnye. Ewe iSebe lezeMfundo aliqhubanga kakuhle kodwa kuyafuneka ukuba siqwalasele ezona zizathu zibangele ukuba lingaqhubi kakuhle isebe, emva koko sikwazi ukuqala ukukhomba umnwe ebantwini,” utshilo uMasualle.

Ethetha noonondaba eBhisho, uMasualle uthi “zikrun’ intliziyo” iziphumo zonyaka ka2016, apho iMpuma Koloni izuze * -59.3 weepesenti, impucuko ka-2.5 weepesenti xa kuthelekiswa no-56.8 weepesenti ka2015.

“Asikwazi ukubhiyoza babe abafundi (40.7 weepesenti bengaphumelelanga). Kodwa ke ndinethemba lokuba izicwangciso esinazo singurhulumente wephondo ziza kwenza umehluko omkhulu kweli sebe,” utsho uMasualle.

Lo kaMasualle uthi engamgxothi nje uMakupula kukuba lo mphathiswa ungene kweli sebe kungekho zinzo. “Sakukhumbula ukuba kwezemfundo bekusoloko kukho iintloko zeli sebe ezingxungxileyo eziliqela, ezithe zabangela ukuba kungabikho zinzo. Ngoku iphelile lo nto kuba kukho intloko yesigxina (Themba Kojana),” utsho uMasualle.

UMakupula uxelele oonondaba eMonti kwiveki ephelileyo ukuba akayazi ukuba yintoni eyabonwa kuye ngethuba echongwa njengomphathiswa weli sebe.

“Kuyabonakala ukuba umbutho olawulayo (ANC) wabona nto ithile apha kum, le bangekandixeleli okwangoku. Mhlawumbi iNkulumbuso yabona nto ithile kum.

“Xa ndinokukhutshwa esihlalweni njengomphathiswa ndakuwenza lo myalelo,” utshilo uMakupula.