UMasualle uthi ngxe kwababhujelwe ziintsapho kwingozi yemoto!

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uPhumulo Masualle,  idlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezithe zaphulukana namalungu awo osapho asibhozo kwingozi eyenzeke kwindlela uR61 kwidolophu yaseNgcobo ngoLwesithathu.

 

Ngokwengxelo, yiveni ebithwele abantu abalishumi elinanye ethe yaphulukana nolawulo isendleleni yabe sele ingqubana nemoto encinci ebisiza ngqo, kwabhubha abantu abathandathu kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo, ze ababini babhubha kwindlela eya esibhedlele.

 

Abane, nabanemikrwelwana, bathathwe basiwa kwisibhedlele sase-All Saints. Ngokwamarhe, kuvakala ukuba le veni ibikhwelise abantu ebebeyokulanda imali yabo yendodla edolophini eNgcobo.


Uphando ngengozi lusenziwa.


UMasualle ukwanqwenelele nabo basindileyo kwingozi ekubeni baphume ngokukhawuleza esibhedlele. 

 

Ukanti kusenjalo, kubusuku bayizolo njalo [Lwesithathu], kubhubhe abantu abathathu kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uN2 phakathi kweDutywa kwakunye noMthatha,  apho ibandakanya iimoto ezine. Kuloo ngozi,  abane basindile basesibhedlele.

Isithethi sezendlela ephondweni uCharles Bramwell, uthi amapolisa aseDutywa ayaphanda ngale ngozi.

Ngokwengxelo, bebonke bangaphaya kwamashumi amabini abantu esele bebhubhile ngenxa yeengozi zendlela kweli phondo leMpuma Koloni kule veki sisuka kuyo.