UMathoho uyityityimbisele umnwe iGolden Arrows

Eric Mathoho of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Kaizer Chiefs at Loftus Versveld Stadium in Pretoria, South Africa on 17 October 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngomso kulindeleke ukuba
kuqhawuke unobathana xa kudibana iKaizer Chiefs neGolden Arrows kumdlalo
weNedbank Cup ozakube ubanjelwe eFNB Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu
emalanga. Umdlali wasemva kwiChiefs, u-Eric Mathoho, ulumkise iqela abadlala nalo
ngomso ngelithi umdlalo wendebe unomahluko kuleyo yesiqhelo kwaye linye iqela elizakuya
kumjikelo olandelayo. Amakhosi aya kulo mdlalo wangomso ngamandla futhi
enenjongo yokuphumelela kuba iyindebe yokugqibela anethuba lokuyiphumelela –
kodwa ukuba ayakwazi ukugqitha kwi-Arrows.

Kulindeleke ukuba uMathoho adlale
indima ebalulekileyo kulo mdlalo njengomnye wabadlali abanamava kakhulu
kwimidlalo efana nalo wangomso. ABafana Bes’thende banomkhwa wokuyisokolisa
iKaizer Chiefs kwaye baya kulo mdlalo befuna ukuqhuba kakuhle kwiNedbank Cup
njengakunyaka ophelileyo. “Imidlalo yokhuphiswano inomahluko. Ngokungafaniyo
nemidlalo ye-Absa Premier Soccer League, kulo kudlulela phambili iqela libe
linye,” utshilo uMathoho.

Lo mdlali wayeyinxalenye yeli
qela laseNaturena ngethuba liphumelela iNedbank Cup ngo-2013 phantsi kwesandla
sikaStuart Baxter – oqeqesha iqela lesizwe (Bafana Bafana) kule mihla. “Kungumnqweno
wakhe nawuphi na umdlali webhola ekhatywayo ukudlala kumdlalo wamagqibela
kankqoyi wendebe. Sayibetha iSuperSport United (ngo-2013) ngegowuli elafakwa
nguBernard Parker. Kwabamnandi kakhulu kum,” utshilo uMathoho.

Amakhosi aneminyaka emibini
ebhuqwa yindlala kwicala lee ndebe, lo nto ayibaphathanga kakuhle konke konke
abalandeli. Eli lithuba elihle leChiefs lokulungisa ezo ntliziyo
zidandathekileyo ngokuthi iphumelele indebe enokuyibuyisela nakwimidlalo yezwekazi
le-Afrika. “Sisondela kwiminyaka emithathu singasafumani ndebe ngoku. Le
kuyanyanzeleka ibe yeyethu. Ukuze kwenzeke lo nto kufuneka sihambe indlela
ende. Umdlalo wethu ne-Arrows uzakuba nzima. Kunzima ukuyoyisa i-Arrows,
kuzawunyanzeleka silwe ngamandla,” utshilo uMathoho.

Ukusukela kulo nyaka weshumi weNedbank Cup, iqela
eliphumeleleyo liza kugoduka nendebe ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million).
Lo mali
nokudlala kwiCaf zezinye zezinto ezinomtsalane kumaqela amakhulu nasoloko
enomqweno wokuziva amandla kwizangxa zezwekazi le-Afrika.