UMbalula ugxeka ‘ipotsoyi’ yakuCentane

UMphathiswa wezoThutho kuzwelonke uFikile Mbalula uthi ubume bendlela eya eChebe kuCentane asiyondlela enakuhamba abantu umhla nezolo, watsho efanisa le ndlela nepotsoyi.

Ipotsoyi ngumdaniso wamandulo ezilalini, ovangwe lulonwabo phakathi kwamanenekazi namasoka.

UMbalula ebethetha eChebe kwiveki ephelileyo ngethuba kungcwatywa amaxhoba engozi yebhasi. Bezifole ngelosizi ezobhokisi kumngcwabo obubanjelwe kufuphi naseChebe Junior Secondary.

Bangamashumi amabini anesithandathu abantu abasweleke kule ngozi. Kubo nenkwenkwe eneminyaka emithathu uAkahlulwa Soga, umqhubi kwanonkosikazi wakhe.

UMbalula uthi into ekufuneka yenziwe kula mmandla yindlela esemgangathweni.

“Ibhasi engalungelanga kuba semgaqweni iphinde ilayishe ngaphaya komlinganiselo kule ndlela, ayisokuze isinde engozini kuba ayondlela le, yipotsoyi,” utshilo uMbalula.

“Kumaphondo asilela kuphuhliso njengeMpuma Koloni, kufuneka sisebenzise ubuchule. Mna njengoMphathiswa kazwelonke ndiza kusebenzisana neli phondo ukuze siphucule iindlela. Xa ujonga apho ingozi yenzeke khona, uyabona ukuba yindawo embi kakhulu.

“Ngokwale ngozi, silwenzile uphando. Ingxelo siyigqibile, siza kuyikhupha. Ndiza kuqala ndabelane neNkulumbuso (Oscar Mabuyane) kwakune neentsapho zabachaphazelekileyo.

“Kuza kufuneka siqinise isandla ekutyeshelweni komthetho, nakwiimoto ezingakulungelanga ukuba semgaqweni. Ndingatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba xa ibhasi ingekho selungelweni lwendlela ayinakusinda kwingozi kwindlela enjeya. Abanini bebhasi kufuneka bathabathe uxanduva,” utshilo uMbalula.

UMbalula uthembise ngelithi kuza kuthatyathwa amanyathelo ngakwibhasi yakwaAB350 ebulele abantu bakuCentane ukuba ingxelo yophando ifumana igxeke ngakwibhasi.

UMabuyane uthe: “Le ntlekele yenzeka sele sesithethile nabantu bephondo malunga neendlela. Inyaniso yeyokuba imingeni esinayo emaphandleni iza kufuna norhulumente kazwelonke asincedisi.”

UMabuyane uthi indlela eya eChebe ayilungelanga kuhamba mntu. “Ukuza kwam apha eChebe, ndize ngendlela esuka eBika (eGcuwa), ndiyibone kakuhle imeko ekuyo. “Urhulumente uza kuqinisekisa ukuba uyakulandela ukwakhiwa kwale ndlela.

Sicela uxolo singurhulumente kuba ngumsebenzi wethu ukusa iinkonzo ezingundoqo eluntwini.

“Ndikwabulela abantu abarhangqe le ndawo ngomsebenzi omkhulu eniwenzileyo wohlangulo. La msebenzi niwenzileyo usindise abantu abaninzi kula ngozi, kuba eminye imiphefumlo ngeyingasindanga ukuba beningekho phaya,” utshilo uMabuyane.

Yena uPhumlani Ndzotyana, ophulukene nomamoncinci wakhe uMandisa Millicent Ndzotyana, nobethethela iintsapho ezibhujelweyo, uthi kusenzima kwiintsapho.

“Kunzima kukho iintsapho apho kuvele kushiyeke umntwana oyintombazana ekufuneka ejongene abanye, umzekelo kusapho lakwaKomani. Kukho iintsapho ezifana nooMagusheni apho kubhubha umama obegada abantwana, kushiyeke indoda ezakufuneka igade abantwana. Kukho iintsapho ezifana nooSoga apho kubhubha umama nomntwana, kushiyeke abantwana.

“Iindlela zethu zimbi, imoto yam yemka kwibhlorho ekufuphi nale ndawo kwenzeke kuyo le ngozi. Sifuna itha kurhulumente,” utshilo uNdzotyana.

Inqununu yaseChebe Junior Secondary uNgqalelo Mkhunqwana uthi imeko imbi kakhulu kula lali ingakumbi kwisikolo sabo nanjengoko abanye babantwana bengenabazali ngenxa yala ngozi.

“Kunzima kuba abazali babantwana ndiyabazi. Abantwana bachaphazelekile yile ngozi. Abanye ngoku abanazali nto leyo ezakubaphazela kakhulu,” utshilo uMkhunqwana.