UMbeki uchongwe njengentloko ye-Unisa

OWAYE sakuba nguMongameli waseMzantsi Afrika uThabo Mvuyelwa Mbeki, uzakubekwa ngokusesikweni njengentloko (chancellor) yeYunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa) ngoMvulo.

Ukuchongwa kukaMbeki kwesi sikhundla, kuza kuqinisa nangakumbi uxanduva lwakhe eUnisa nanjengoko ekwanentsebenziswano neli ziko kwicandelo loqeqesho lweenkokeli zaseAfrika phantsi kweThabo Mbeki African Leadership Institute (TMALI).

I-TMALI liziko elisebenza ngokubambisene neThabo Mbeki Foundation kwakunye neUnisa.

Kwingxelo emfutshane, iUnisa ithi ichulumance kakhulu ukwamkela umntu okwibakala likaMbeki njengentloko yayo.

UMbeki uzalelwe eDutywa ngonyaka ka-1942, ezalwa ngamatshantliziyo omzabalazo umam’ uNomaka notat’ uGovan Mbeki. Wazibandakanya ne-ANC Youth League ngo-1956 eneminyaka elishumi elinesithathu, ze wawufulathela uMzantsi Afrika esiya elubhacweni ngo-1962.

UMbeki unesidanga seeMasters kwezoqoqosho awasifumana kwiYunivesithi iSussex eNgilane. Lo kaMbeki ubenguMongameli amatyeli amabini ngo-1999 nango-2004.

Ngonyaka ka-2008, iANC yamkhweba kwisikhundla sakhe njengomongameli welizwe.

Noxa kunjalo, uMbeki uthe gqolo ukuqhuba nomsebenzi wakhe wokumanya izizwe eAfrika nanjengoko sele ethabathe inxaxheba kwiingxoxo zoxolo eLesotho, Zimbabwe, Burundi, Comoros, Cote d’Ivoire naseDemocratic Republic of Congo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za