Umbutho wezopolitiko woonogada ubanga i285 000 yamalungu

USEKELA Mongameli wombutho wezopolitiko iAfrican Security Congress esekwe ngoonogada, uMpostoli Mnisi, ubanga ngelithi lo mbutho sele unamalungu angaphaya kwekota yesigidi kuzwelonke, esithi oku kungqina ukuba bazimisele ukwenza ngcono xa bengenela unyulo kunyaka ozayo.

Iqela loonogada belingungelene kwigumbi elinye lesikolo iNompumelelo Primary eDuncan Village liyokucaciselwa banzi ngeASC, esekwe kunyaka ophelileyo.

Lo mbutho uthi ubhalisile neKomishini yezoloNyulo eZimeleyo (IEC) ngeenjongo zokungenela unyulo luka2019.

UMnisi uthi iASC ixhaswa kakhulu ngoonogada, kodwa ayiphelelanga koonogada kuphela – ikwajonge namalungelo kwaneenzingo zabo bacoca emakhaya (emakhitshini) nakumashishini.

“Sifuna oonogada babephantsi korhulumente, kuba asiyazi le nto yokuba ukhuseleko lwelizwe lube phantsi kweenkampani zabucala. Le nto yenza ilizwe lingakhuseleki.

“Umbutho wethu usekwe ngabantu abangoonogada , ngoko ke thina sithetha ngento esiyaziyo. Kudala sikhala sibulaleka ziinkampani zabucala ezinezivumelwano norhulumente, kungekho mntu usimamelayo.

“Ngoku sithi ixesha lokuba silwele amalungelo ethu lifikile,” utshilo uMnisi.

UMnisi uthi iASC sele inamalungu angama285 000 kwilizwe liphela, kwaye bafuna oonogada barhole amawaka asibhozo anesiqingatha eerandi (R8 500) ngenyanga ze iiyure zoonogada zehliswe ziye kwisibhozo ngosuku.

USiyabulela Matheza, usihlalo weASC eMpuma Koloni, uthi isicwangciso kukwazisa lo mbutho kuwo wonke unogada waseMpuma Koloni.

“Injongo yokuseka iASC kungenxa yokuba izikhalazo zethu azimameleki. Isicwangciso sethu kukuba oonogada baphangele phantsi kwamalungelo njengaye wonke umntu weli lizwe. Asiphelelanga apha koonogada kuphela, sikhona nakwabo bangabacoci (kuquka emakhitshini),” kutsho uMatheza.

UTebogo Sadi wemanyano esebenzisana neASC, iTrade Union of Security Industry in South Africa (Tusisa), uthi yonke imibutho yezopolitiko yeli lizwe yohlulekile kukumela iimfuno zoonogada.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za