Umculo weMi Casa wondla iimbhedlenge

Belicula ngazwi linye nesingqi esinye ulutsha oluntsundu nolumhlophe, eHemingways kule mpela veki idlulileyo. Apho uJ Something weMi Casa ebebhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa lwamashumi amabini anesibhozo (28) kwiphondo azalelwe kulo, njengesiqhelo. “Yonke ke le mali siyenza apha siliqela iMi Casa ngolusuku lokuzalwa kwam, siye siyigalele kumakhaya anabantwana abangenabazali,” utshilo uJ Something xa ebecacisela inginginya ebizonwabele, ijula imilenza, ijija izinqa koo ‘Jika! O! Jika my baby! Jika!’

U-J Something uqale walishushubeza igazi ngokubadlalela ingoma ethi ‘Invincible’, angazange wayishicilela ecwecweni, phambi kokuba licule lonke iqela lakhe. Ucule ingoma engothando engaye nesinqanda mathe esasimenza azive eyingonyama, enokoyisa zonke iinkxwaleko zobomi. Ibingummangaliso ukubukela nokumamela indlela umculo ulawulwa lilizwi lomlonji limanya abantu beentlanga ezahlukeneyo, libenza babemxhelo mnye.

Livuthelwe ke ixilongo apho, likhatshwa sisandi sekitala, zandi ezo zenze iindonga zeli gumbi kwangangathi ziyasondelelana. Apha, ubungafunga uthi zange ubekhona umda, owahlula abamhlophe nabamnyama, ngendlela le omnye ebephefumlela kufuphi emlonyeni womye. I-Mi Casa lelinye lamaqela elibeke umculo woMzantsi Afrika kwizanga eliphakamileyo. Eli qela lidume kweli kunye nangaphesheya kolwandle, kwimbali yalo yomculo sele lizibandakanye kunye neegcali zomculo uDrake, uJohn Legend kunye neCool and the Gang.