UHlalukana uphakathi kwabafundi abangamashumi amahlanu baseMpuma Koloni abathe baphumelela emagqabini kwiimviwo zebanga leshumi kunyaka ka2016.
Lo mfundi ukwawongwe nanguMphathiswa wemfundo esisiseko kuzwelonke uAngie Motshekga eRhawutini ngoLwesithathu nanjengoko ezuze indawo yesibini kwizikolo ezikwibakala lesithathu (Quintile 3) ezithe zaqhuba kakuhle kwiimviwo.
UHlalukana ugqwese kuzo zonke izifundo zakhe ebezibhala ngethuba leemviwo. “Ndonwabe kakhulu, ayikholeleki into yokugqwesa kubafundi abangaka. Enye into endivuyisa kakhulu yile yokuba ndingumfundi osuka ezilalini,” utshilo uHlalukana, inzalelwane yaseNcise eMthatha.
Umyalezo kaHlalukana kubafundi bakaGrade 12 kunyaka ka2017 uthi: “Ukuba uyazihlonipha iincwadi zakho, yonke into izakuhambela kakuhle. Yazi ixesha lakho lokufunda, futhi ufunde ngelo xesha,” kutsho uHlalukana.
Iphele njalo indlela yeSundowns kwiCAF Champions League!