Umhlaba Wabantu Ebantwini

Ndonwabile kukubona iAfrican National Congress (ANC) izibekele kude kwizenyeliso ezenziwe ngulowo wayesakuba nguSekela Mongameli uMnu. Kgalema Motlanthe, kwindibano yayo yakutshanje engembuyekezo yomhlaba (Land Reform), nalapho abhekise kwiiNkosi “njengoozwilakhe basezilalini” ezikholelwa ukuba umhlaba wabantu ngowazo.

Kodwa noxa kunjalo, bakhona abahamba nale ngcamango yakhe ngaphakathi nangaphandle kwiANC abakholelwa ukuba elona nyathelo lichubekileyo nelinenkqubela elinokuthatyathwa kumba wembuyekezo yomhlaba kukohlukanisa iinkosi noluntu lwazo.

UMotlanthe namahlakani akhe bakholelwa kwelokuba abacalucaluli nabenkqubo yobukoloniyali ngokunikisa ngomhlaba wamaAfrika, phantsi kweenkosi, umhlaba karhulumente yeyona ndlela efanelekileyo.

Kubo amaAfrika awanakuphatha umhlaba wawo ngendlela efanelekileyo ngoko kufanele oneswe lisebe lezoPhuhliso lwamaPhandle nezeMihlaba.

Iikumkani, iinkokeli zemveli nezinye iinkokeli ezasindisa iziqwentshana ezishiyekileyo zomhlaba woluntu kwizandla zamaNgesi, abafanelekanga ukuphatha uxanduva lookhokho nabantu babo kumba womhlaba, yiyo loo nto Ingonyama Trust kufanele ichithwe. Imbono ngeyokukhulula lo mhlaba kulawulo lweenkosi ukuze uthengiswe emarikeni kwabo banemali ngokukhuphela amaAfrika iititle deeds.

Ayinamsebenzi kuMotlanthe eyokuba esinye sezizathu sokuhamba ngonyawo lonwabu kwenkqubo yohanjiso lwezindlu kungenxa yokuba abanye babaxhamli bezindlu zikarhulumente bayaqhubekeka nokuthengisa izindlu (kumaxesha amaninzi kubemi bamazwe angaphandle) baze babuyele ematyotyombeni, besongeza kwakhona kwinani labo basalinde izindlu.

Kwabo babizwa njengee-democrats, liberals, republicans neeprogressive (kuquka nezinye izifundiswa) iinkosi ngamaxhoba, umz’ ongenazinja onokuhlaselwa kungalindelwanga mpindezelo.

Kwiminyaka engaphambili bemaninzi amathuba apho uluntu belunokukhetha ukuziqelelanisa kwiinkosi ngenxa yeendlela ezinembophelelo nezakudala zokulawula; kodwa noxa kunjalo bakhetha ukuhlala nazo.

UMotlanthe ucebisa iANC ukuba iyeke ukuchitha ixesha ngokufuna inkxaso yeenkosi, kodwa inike abantu ngqo umhlaba, nanjengoko ingabavoti abaya kuyikwaya iANC kuvoto.

IANC, ngokutsho kwenkokeli yayo, kufanele ilibale ngemvelaphi yayo, ilibale ngembuyekezo yomhlaba kwabo babelwa umhlaba ngethuba leemfazwe, ilibale ngendima eyadlalwa ziinkosi, hayi kuphela ezoMzantsi Afrika, kodwa ezo zaseLesotho, Swaziland, Botswana neZambia ekubunjweni kwalo mbutho.

Imbali ibonisa ukuba ubukho nokunyamezela kobukhosi akuxhomekekanga kwiimfefe zikarhulumente.

Iingcambu zobukhosi zimile kanye kumhlaba waseAfrika; ubukhosi babugcinwe ngookhokho bethu ababejonge kubo ukuze babuyiselwe isidima esahluthwa ngabaphambukeli bangaphaya kolwandle.

IiNkosi zikwicala labo bamemelela ama87% embuyekezo yomhlaba woMzantsi Afrika kwabo bafanele ukuwuxhamla, amaAfrika. Masingayikhuthazi into yabantu bethu abahlala kwiimeko ezingaphucukanga ezilokishini nakwiifama zabamhlophe ngenxa yokungabi namhlaba eAfrika. Masingqale ngqo ngomkhonto kutshaba, siyeke ukubangamagwala.

Nanjengoko besitsho, umkhonto wegwala uphelela elityeni – igwala lihlala lilola umkhonto walo de uphele. Ngethuba ndisengumongameli weCongress of Traditional Leadres of South Africa, ndabhala ndathetha gabalala ngomba womhlaba, ingakumbi umhlaba wabantu ngowe21 kuMeyi ka2003 (Isahluko 16 sencwadi yam ethi ACCORDING TO TRADITION) Ndabhala ndenjenje kwaye ndisamile koko ndakubhalayo: – Umhlaba owela phantsi kolawulo lweenkosi noluntu yinxalenye ye13% yomhlaba woMzantsi Afrika owabekelwa bucala amaAfrika phantsi kweLand Act ka1913 no1936. Eza ndawo zazibizwa amaphandle ayecandwe kulo mhlaba.

Abacalucaluli abamhlophe kweli loMzantsi Afrika, kuquka iilokishi zabantu abamnyama, baxhamla kwi87% eshiyekileyo.

Phantsi kolawulo localucalulo umhlaba wabantu wawuphantsi kukarhulumente. Kanti kwelinye icala umhlaba wabamhlophe wawuye ube ngowalo mntu kwaye ubhaliswe ngegama lakhe.

Nangona kunjalo, abantu abantsundu babewubona njengowabo lo mhlaba uphantsi kolawulo lukarhulumente. Nangoku ke umhlaba wabantu lilifa lamaAfrika ahlala kuwo.

Iinkokeli zemveli ke zona, phantsi kwemithetho yesiNtu, iye ibe ngabo abalawula lo mhlaba. Iinkokeli zemveli zenza umsebenzi wazo. Ooceba kwezi ndawo nabo baqeshwa ngokwezithethe zaloo ndawo.

Ukuze siqinisekise ukuba kukho inzolo kwiindawo zabantu bakuthi kufuneka ubunikazi bezi ndawo bubuyiselwe kubantu – abantsundu kunye neenkokeli zemveli. Umhlaba wabantu akumelanga ukuba uyathengiswa. Bekumele ukuba uyaqeshiswa ukuze kubekho ingeniso nophuhliso.

Le yeyona ndlela ibhadlileyo inokulandelwa mhla imbuyekezo yalo mhlaba ukuma87% ubuyiselwa ebantwini. Ukuba sikhe sayenza ngoku ingekagqitywa le nkqubo sakube sivulela izigwili ithuba lokuba zandise ubutyebi bazo, amahlwempu ashiyeke ehlwempuzeke mpela.

Thina sicebisa iintsapho ezingabanikazi zinikwe iimpephamvume ezinokubavulela amathuba emali. Iinkokeli zemveli ke zona zakuncedisana nale nkqubo.

Indima karhulumente kwimiba yomhlaba namalungelo awo kufuneka incitshiswe; urhulumente ajongane nokulondoloza iinkonzo zoluntu, ukuncedisana nophuhliso nokungenelela kwimingeni engapha kwamandla eenkokeli zemveli.

Iingcali kwimiba yomhlaba bekumele ukuba ziphanda nzulu kwaye zenza ngakumbi ukulamla le ngxwabangxwaba.

Ukuba kukho imiqulu kumgaqosiseko engqubana nale nkqubo yembuyekezo yomhlaba ngokukuko, ipalamente kufuneka ibizwe ikhangele iindlela zokulungisa le mingeni.

*INkosi uPhathekile Holomisa yinkokeli yamaHegebe kwaye ukwanguSekela-Mphathiswa wezeMisebenzi eMzantsi Afrika. Uyazibhalela kweli nqaku.