Umkhuhlane ubangela ilahleko kwezoqoqosho

Kungabonakala kungenabungozi ukungaphangeli usuku olunye okanye iintsuku ezintathu ngenxa yomkhuhlane oxine umntu ekhaya.

Ubunzulu bokufunyanwa ngumkhuhlane bubonakala xa kujongwe ifuthe lawo kwezezimali kwimeko yezimali yoMzantsi Afrika.

Ingxelo yeGlobal Hygiene Council ngonyaka ka2015 ithi, iingxaki zezimali ezibangelwa ngumkhuhlane zibangela ilahleko yemali ephaya kwiibhiliyoni ezimbini.

Olu phando lenziwe kubantu abangamawaka alithoba kumazwe alishumi elinesixhenxe kuquka nelizwe loMzantsi Afrika.

Othethe egameni leli qumrhu(GHC) uKgosi Letlape uthi ukunyangwa komkhuhlane eluntwini kudla imali ebonakalayo.

“Iziphumo zibonakalisa ukuba ukunyangwa komkhuhlane kudla imali ephaya kumawaka amane eerandi, kwaye olu phando lisabuye ngeneno kunokuba sinqwenela ukwazi ngalo mcimbi,” uthethe watsho uLetlape.

Ingxelo yeNational Institute for Communicable Disease ithi eyona ntsholongwane yomkhuhlane ijikelezayo ngoku yiH1N1, kwaye iqale ukwenza umsebenzi wayo kwiveki yokuqala kwinyanga yeSilimela.

“Ingxelo ephikisana nezimvo zabaninzi umkhuhlane awubangelwa yimoyezulu. Unobangela womkhuhlane kukuba abantu basoloko besondelelene ebusika ngenxa yokuba besoyika ukugodola, lo gama abantu besoloko bethe bhazalala kwiindawo zokonwaba ngexesha lasehlotyeni,” ucacise watsho uLetlape.

Le ngxelo ikwadize ukuba ngamashumi amane anesithathu eepesenti ekhulwini abahlali boMzantsi Afrika abazihlambi izandla zabo emva kokuba bethe bathimla okanye emva kokuphatha impumlo.

Ngama 71% abantu abadala abathi bagqithise umkhuhlane kwabanye abantu.

Iinkampani zibetheka ngenxa yokuba ngamashumi amathathu ananye eepesenti ekhulwini abantu abathi bathathe iintsuku bengekho emsebenzi ngenxa yokugula ngumkhuhlane.

“Kufuneka ukuba abantu bajonge indlela abenza ngayo xa bekhohlela bohlukane nokukhohlela nje esidlangalaleni, kodwa bakhohlelele esandleni ukuze zihlanjwe kamva,” uthethe watsho uLetlape.

Othethe egameni le- nkampani yamachiza uPharma Dynamics uMariska van Aswegen uthi abazali ngabona babangamaxhoba okosulelwa ngumkhuhlane.

“Abantwana ngabona bafumana iintsholongwane kuba esesikolweni kulapho zininzi khona intsholongwane,” utsho Van Aswagen.