UMLINDO UYOYIKEKA

UNGANGENI ANDINXIBANGA NGU SIMPHIWE NOLUTSHUNGU

Andazi nokuba ndim na okanye ke nabanye phakathi kwemibilini yeenyani zenu bangandingqinela okuthi kwenzeke emilindweni (apha evekini).

Kuthi kwakuwa nokuba ngubani apha phakathi kwekhaya ze kube kho le nkqubo sele iqhelekile yokuba kumana kufakwa imithandazo ke apha ekhaya qho lakukhalala ilanga ngokuhlwa. Kuye ke kubekho isikakhulu abantu abankolo ibubuKristu okanye abazibiza ngokuba bangamaKristu.

Ibakhona ke le yona inkonzo ikhonya phambili, amaxesha amaninzi iba yinkonzo yalowo ungasekhoyo, ibe yiyo ke ethi iqhube umthandazo phofu ke incediswa nazezinye iinkonzo.

Kume apha nabani na okwazi ukushumayela okanye onegunya lokushumayela ngokokunqwala kwemimiselo yenkonzo yakhe.

Kuvele ke kube ludlwabevu lwengoma, ibe bubushushu bamandla okholo olungenakubaliseka, abantu bemxhelomnye, mandithi izandla zentliziyo zibambane kanobom nomphefumlo lo uwuve nje ukuba ubetha ngasingqi sinye kwabo balapho emlindweni.

Kuphakame lo mshumayeli atsho eyakhe indlela abona ngayo kuphinde kuphakame omnye naye ke ngokunjalo, ibe nguloo mkrozo ke abazalwana belizwi ukushiyiselana, bethimla bekrazula umsindo ozayo.

Konke ke oko kukhatshwa ngoo’AMEN’ abangenasiphelo. Kumana ke maxa wambi kusitsho ingoma ukunika amandla kulowo umileyo uthulula amandla eZulu.

Kodwa mva nje, ndisuke ndoyika kuba ndiqaphele ukuba abashumayeli basuke baxelelane iindaba besithi ke phofu bayashumayela kodwa uve nje ukubetha kolwimi olu nokuhambisela ivangeli le ukuba noko omnye lo uxelelisisa omnye nomnye ke, ngokunjalo wombona engenasikhundla ukuchopha oku kuba engxamele naye ukuba akhe atsho kabini kathathu phofu ke into ephambili etyiwa sisihlangu, ezama ke nokubangula ameva angene kabuhlungu engamenywanga entliziyweni.

Hayi akubizwa gama lamntu kodwa ke ngokwazana kwabo, ingulowo uyakuchola afake entliziyweni ze xa nakuye ixesha linqwala aphakame ke afunze ngezakhe. Kube njalo ke ukuqhuma emanzini besitsho ukunikana.

Nabo ke oodade abakwazi ukuhlabela, umntu akahlabeli nje, uye akhangele ukuba umoya uya ngaphi kwaye asezele ukuba umcimbi awugili yena na okanye umshumayeli osenyongweni kuye. Kuyoba njalo ke nokuhlabela kwakhe, esitsho ngokona kungxama kungathethekiyo ebethe loo mpam-mpam ugqib’ igumbi lonke.

Ndicinga eyona njongo yokushumayela emlindweni kukuba abantu bave ilizwi elinencasa lobuKrestu ze athi osekude ke kufefe olo akwazi naye ukuba achanwe yimitha yelizwi. Kodwa ke ngoku ndisuke ndibhideke.

Abashumayeli bayazana kwaye bayaxelelana. Ndikhe ndakhapha umhlobo wam uMakuliwe, owaziwa kakhulu ngokushumayela phaya ekhaya Ezibeleni kuKomani, wandicela ukuba mandimkhaphe kukho umlindo aya kuwo kwalapha engingqini kwaye ke sibe bungxama kuba ufuna ukuba lapha ekuqaleni abeke ilizwi phakathi kwabantu bakaThixo, kananjalo kukho nento afuna ukuyilungisa. Yalala ke kum ukubuza ukuba yintoni le afuna ukuyilungisa kuba ndinento ethi onomoya kaThixo uyazazi.

Sifikile ke, indlu izele imi ngeembambo, ingoma itsiba ngapha kweefestile nombilo nawo ubukele edongeni kwelo gumbi lelo khaya. Bemana bephakama ke abashumayeli, besitsho oko bakuthunyiweyo okanye ke bazithumileyo.

Lafika ixesha likaMakuliwe, wathatha nje ngokwalula isandla phakathi kwaloo nginginya, etsho ngaloo mbumbutho wetayi lakhe, lingahleli kakuhle emqaleni ke phofu.

Wacela ukuba uneculo lakhe aza kutshayelela ngalo, elalisithi ‘Ndilapha kuba andilogwala mna’ walitsala umhlobo wam eqwanyile (Ndandiqala nokuliva). Wancediswa ke ngabalaziyo, emva koko wemisa, waza waqala intshumayelo yakhe.

Akhange ke ndibe sabuza kwalapha kuye ukuba apha kweli khaya kuwe bani kwaye ke kukwabani. Ndeva nje ngaye esithi: “Mzi wasekhaya uThixo makasithande, alale kakuhle ke naye uThandiwe, intomb’entle ezolileyo, ethandekayo.”

Bakho aba babuncwina phaya egumbini ngezantsi kwaphinda kwabakho nabafuna ukuqala ingoma kodwa ke bamana banqandana, ngeli thuba ke nam ndisemuncwana ukuba ingaba kuqhubekani kodwa likhona ithontsana lona apha kum embilinini elithi ukhona undonakele.

Yaqhuba eyam intanga isithi: “Wena ke wamhlutha kum uz’umngcwabe kwaye ungonqeni ukumlandela ngokukhawuleza, kuba owam uThixo uxova ebhaka nangoku ke ubhakile futhi usezophinda. Wamthatha kum ngobusela uz’umngcwabe ke wena sela labantu babantu nawe uyalandela!” Hayi ke ngoku yayingxolo nje apha phakathi kweli gumbi kwavungama nosapho olo lonke, hay’ ke nam ndaqonda nje ngoku ukuba inene ukuba kukho ubephekile ngoku kucacile ukuba zivuthiwe iimbiza kuzokutyiwa.

Ndakrwaqula umnyango, ndawubona ngathi uzobakude ngoku. Wahlaliswa phantsi ngengoma, thina ke singabanye simuncu kakhulu ukungazi batsho ke nooAmen bethu bathanda ukubanda kuba sibambalwa abatsho njalo uninzi ke lumana lukhuza.

Uhlaliswe phantsi ke ngengoma eyahlatyelwa lelinye igqiyazana, nalo lithe futhu ngumsindo, ndeva nje amagama anendawo ezithi: Azingeni izidenge eZulwini, awangeni amalokonya ezulwini. Kwaphakama mfana uthile, wayimisa, yanga iyatshitshiliza ukuma oku ingoma le.

‘Ufanele ubhuti washiya isidenge apha kuwe, wawungamxabisanga usisi, sele ngoku uzokusiqhayisela nje apha ngamazwi abandayo!’ emana ke esithi lo mfana ‘Amen’ indlu nayo itsho emva kwakhe ukuba ‘Amen’. Ndithe ndisajonge leyo, kwakho ixhegwana elinyukela ngentla laza lamphuthaphutha umhlobo wam limcela phandle. Hayi ke mlesi kwanzima ngakumbi.

De nam ndaphuma phandle, ndazibeleka ezam kuba ndisiva nje ukuba akukho nto ilungayo. Ewe, emva kweeveki ndizokuva ngommelwane wam ukuba kula mzi besikuwo, kusemzini wentombi eyayincuma noMakuliwe qha waye washiywa ngomnye umfo, le ntombi ke yendela kulo mfo, qha ke ngoku ngelishwa ihliwe sisigulo yaza yaba iyasishiya.

Umhlobo wam zange licime elo nxeba kuye kuba kaloku nanku esithi uyashumayela kanti kushumayela imvakalelo yakhe. Tsii! azi bangaphi na abashumayeli abathi bayashumayela kanti bagcwalisa ibhekile, bayaphindisa, bacaphukile, bayaphendula besithi benzela ezwini likaThixo.

Khawume ke njalo mfundi wam, kukho lo unkqonkqozayo apha egumbini lam ngathi izingqi nokuthetha nguMakuliwe, ufuna ndimkhaphe aye komnye umlindo eNgcobo. Hay’ ANGANGENI ANDINXIBANGA!