Umninawa kaKumkani Dalindyebo umemelela uxolo

INkosi uMankunku Jongilizwe Dalindyebo Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Umninawa weKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo odontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini ejele, uthi uyalixhasa ibambela kumkani kwesi sizwe uAzenathi Dalindyebo, watsho esithi ulangazelela uxolo nemvisiswano kwindlu kaKumkani Sabatha Dalindyebo.

UNkosi Mankunku Jongisizwe Dalindyebo, owalekela uKumkani Buyelekhaya Dalindyebo, wenze udliwanondlebe nephephandaba I’solezwe, esithi “noko kudala kugquba iyantlukwano” kubukumkani babaThembu, ngoko ke lifikile ixesha lokuba kubekelwe bucala ukruthakruthwano.

“UAzenathi ngunyana wam kuba ngokamkhuluwa wam. Ewe, bekukhe kwakhona ukubangisana phakathi kwam naye malunga nomntu obefanele ukubambela umkhuluwa wam, kodwa xa inguAzenathi ophumeleleyo kufanele ndimxhase,” utshilo uJongisizwe.

Kukhe kwakho ukungquzulana ngamazwi phakathi kweqela elixhasa uAzenathi kwanelo lifuna uKumkani Dalindyebo abanjelwe nguJongisizwe. Oku kungquzulana kwabangela ukuba le mihlambi isane enkundleni, apho uJongisizwe wathi waphulukana netyala khona emva kokuba inkundla yagweba ngakwicala lika-Azenathi.

Kodwa ngoku uJongisizwe uthi into ebalulekileyo luxolo kwindlu yabaThembu.

“Umkhuluwa wam [Kumkani Buyelekhaya Dalindyebo], uxolo yinto ayilangazelelayo. Yonke imihlambi ebingadibani kuza kufuneka idibane, ukuze senze uxolo,” utshilo uJongisizwe.

UJongisizwe uveze ukuba ngoku ebecela umngeni uAzenathi ebeqamele ngesiko labaThembu.

“Ewe ibilisiko okokuba xa umkhuluwa wam esejele, kufanele ndimbambele.”

Uthi umbandela weyantlukwano kweli komkhulu uye wangenelelwa yipolitiki. “Abantu baye babona ukungavani phakathi kwam nomkhuluwa wam, bangenelela phakathi kwethu.

“Kanti ke mna nekumkani sizalwa ngumntu omnye, nokuba kukho ukungavisisani phakathi kwethu, lo nto ayithethi andikhe ndicinge ngaye njengokuba esejele nje. Into yokuba umkhuluwa wam usejele, ikhe ifike kum kuba ngumntwana kamama notata wam,” kutsho uJongisizwe.

UJongisizwe ukwathe imeko yebhotwe lobukumkani babaThembu ayintlanga.

“EBumbane kuxwebile, qha kunzima ukuqwalasela lo mba ngenxa yeengxaki esinazo njengekhaya. Ndicinga ukuba kubalulekile ukuba siwuqwalasele umba wokungahoyeki kwekomkhulu labaThembu eBumbane, ndikwenza oko ngokusebenzisana noAzenathi,” utshilo uJongisizwe.