UMogoeng uthi wasithandazela saphila isibini esasineHIV/Aids

OBESAKUBA yiNtloko yeJaji kwiNkundla yoMgaqosiseko, uMogoeng Mogoeng, ubalise ngomthandazo awawenza kwisibini esasineHÍV/Aids, esithi wabathandazela baphila kule ntsholongwane.

UMogoeng ebethetha eCorana eMthatha ngempelaveki kwiphulo lakhe likazwelonke lokudlulisa ilizwi lempiliso kwizwekazi leAfrika.

UMogoeng ukucacisile ukuba impiliso ayikho kuye yena siqu, koko yena ufumana amandla kuThixo.

“Ngethuba ndandisenguMkrestu oselula, umsebenzi wam wafunyanwa yiHIV/Aids ekunye nenkosikazi yakhe. Umntwana (wabo) wasweleka. Bavele babhitya. Kwafika ilizwi lomoya kum lathi mandibathandazele. ‘Egameni likaYesu, wena moya weHIV/Aids, hamba!’

“Ngenye imini (emva kwethuba), ndababona betyebile. [Ndababuza ukuba] ‘kutheni nityebile?’ Bathi uyakhumbula umntwana wethu owayebhubhe ngenxa yeHIV/Aids ze wasithandazela.

“Ndathi kubo ‘ewe’ [ndiyanikhumbula]. Ngenxa yokuba yayingendim owabaphilisayo yayinguThixo, ndalibala malunga noko. Ndade ndababuza ukuba ingaba batya iipilisi na? Bathi ‘hayi’,” utshilo uMogoeng, phambi kwerhamente.

Mogoeng Mogoeng UMFANEKISO: SIYABULELA DUDA

UMogoeng uthi esi sibini samcela kwakhona ukuba athandazele usisi wabo.

“Usisi wabo wayegula kwenye ifama. Wayelele phantsi enezilonda kunzima ukuphakama. Bathi kum bacela ndimthandazele. Ndathi ‘egameni likaYesu, phila. Ndiyakususa moya wokugula nesifo’.

“Ngenye imini ndabona lo mfazi mhle kangaka. Wathi kum ‘hey Ntate Mogoeng, usandikhumbula na?’. Ndathi kuye ‘hayi’. Wathi kum ‘usamkhumbula umfazi owayelele phantsi efama (egula)’, ndathi ‘ewe’. Wathi ‘ndim loo mfazi’. Ndathi makandikhumbuze, wathi kum ‘ndandingakwazi kuhamba, ndisecicini lokufa, wandithandazela’.

“Ayisoloko isebenza (le nto), andiyazi ukuba kutheni, kodwa ngamanye amaxesha iyasebenza,” utshilo uMogoeng.

Uxelele irhamente ukuba ingawathandabuzi amandla ewanikwe nguThixo. “Khumbula sinikwe igunya lokutshabalalisa amadimoni. Sukuvumela umoya wethuku lokuthandabuza othi ubuthathaka, kuba awukho buthathaka.”

EMonti, ethetha eDowntown Christian Centre, uMogoeng ubuzwe ngomnye wabo bebezimasile ukuba unawo na umnqweno wokuzigqatsela ubuMongameli belizwe ngo2024.

Ukuphendula, uMogoeng uthe: “Andinawo kwamnqweno wento engasuki kuThixo. Ndiyindoda elandela imibono enikezwa nguThixo. Andinaso isicwangciso esingahambelaniyo noThixo.”

“Kodwa ndikulungele ukwenza nantoni na iNkosi ethi mandiyenze. Ngamanye amagama, mandiyitsho ukuba uThixo akakhange atsho ukuba mandizigqatsele ubuMongameli ngo2024 kodwa ukuba uThixo angandiyalela ukuba mandizigqatsele ubuMongameli ngomso okanye kulo nyaka uzayo, ndingayenza lo nto. [Xa ndikwenza oko] andizukukhathalela imibono yabantu,” utshilo uMogoeng.