Umsasazi utyholwa ngokudlwengula inkwenkwe

Isitishi sosasazo

ISIKHULULO sosasazo sasekuhlaleni eNgqushwa kunyanzeleke ukuba simnqumamise umsasazi waso, emva kokubona ubuzaza bezityholo atyatyekwa zona kulandela ukubanjwa ngamapolisa emva kokuvulwa kwetyala elayamanisa lo msasazi kudlwengulo lenkwenkwe.

Lo msasazi, esingenakumkhankanya ngegama okwangoku, ubanjwe ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo ekwindawo ahlala kuyo ePower eNgqushwa. Ixhoba lineminyaka elishumi elinesihlanu.

Isithethi samapolisa alo mmandla uKapteni Mali Govender ungqinile ukuba lo msasazi, oyindoda ekwiminyaka ephaya kumashumi amabini, ubanjiwe ngamapolisa aseNgqushwa.

Zinxaxhile iingxelo ezingunobangela wokubanjwa kwalo msasazi waseNgqushwa FM. Abanye bathi uqale ngokulithengela utywala ixhoba, ze emva koko walixhaphaza ngokwezesondo.

Yena uGovender uxelele I’solezwe ukuba ngumbandela ocekeceke lo, watsho esithi bona bengamapolisa bave ukuba ixhoba lithathwe ngulo msasazi walisa kwindlu yangasese emva koko walixhaphaza ngokwezesondo.

“Siye sambamba umrhanelwa kwaye siyaqhuba nophando lwethu kwityala lokuxhaphaza ngokwezesondo,” utshilo uGovender.

Lo msasazi uchithe iintsuku ezintathu eluvalelweni lwamapolisa, ze wakhululwa ngebheyile emva koko.

I’solezwe lincokole nomseki wesikhululo iNgqushwa FM, uKhumbuza Siga, ongqinileyo ukuba banolwazi ngokubanjwa kwalo msasazi.

“Uthe emva kokuba efumene ibheyile, akeza apha esikhululweni ukuze azosixelela ukuba kwenzeke ntoni. Siye samyeka njalo de sabona efika nalapho asixeleleyo ngokwenzekileyo.

“Emva kokuba esixelele ngokwenzekileyo, siye samfundela imiqathango elandelwayo apha esikhululweni xa kukho umntu owenze into efana nale atyholwa ngayo. Ngokwale miqathango siye sathabatha isigqibo sokuba anqunyanyiswe esikhululweni de kuqosheliswe ityala lakhe ngabezomthetho,” utshilo uSiga. Ngethuba sibhala eli nqaku, bekungekacaci ukuba lo msasazi ubuyela nini kwakhona kwinkundla kamantyi waseNgqushwa.