Umtshato wobethengisa ngomzimba nobeligintsa

UYINKOSIKAZI ebifudula ithengisa ngomzimba maxa wambi ilala namadoda nokuba alishumi ngosuku apho ebesenza imali engamawaka amahlanu (R5 000) eerandi ngesiqingatha seyure.

Kwelinye icala, nants’ indoda ebifudula ingunqevu owoyikwa ngamapolisa ehlonitshwa nangamabanjwa ngenxa yokutshatshela ekudubuleni nasekuphangeni izityhentywe kwiimoto ezihambisa imali.

Eli libali lesibini esitshatileyo kungoku nje, uVera Qwesha (41) obefudula ethengisa ngomzimba kwanoSakhi “SK” Manona (38) obefudula engumgulukudu. Namhlanje bajikeleza iMpuma Koloni iphela belumkisa abantu abatsha ngeempazamo abathe bagaxeleka kuzo.

UVera uzalelwe kwilali iMhlahlane eTsomo apho wathi wenza amabanga akhe aphantsi. Umama wakhe uLauretta Qwesha wayesebenza emakhitshini eBhayi nto leyo yabangela ukuba uVera akhulele phambi kotatomkhulu wakhe eTsomo nanjengoko uLauretta wayengatshatanga.

UVera uthi wayesoloko elangazelela ukuhlala kwizixeko ezikhulu ukuze naye ahlale kobo bomi bobunewunewu. Ngethuba umama wakhe embize ukuba ayokuchitha iiholide zehlobo eBhayi, uVera wayengawuvali umlomo. Kodwa wakhathazeka kanobomi xa efika unina ehlala kumatyotyombe aseMaqanda ngaKwaZakhele. Uthi wafika ubomi bunzima kule ndawo kodwa waqonda ukuba lixesha lokuqokelela ingqondo azame ukutshintsha imeko yakowabo.

“Umama wandicela ukuba ndifunde amabanga aphezulu eBhayi. Apha esikolweni saseBhayi ndafumana iitshomi ezintsha, ezakhokelela ukuba ndibeneqabane.

“Baqala kanjalo ukutshintsha ubomi bam kuba ndaye ndaneqabane endalikhethelwa zezi tshomi. Ndafumana iqabane elinemali kodwa elihlala nje linesinyanzelo futhi linobungqwabalala,” kutsho uVera.UVera, onesidanga kubunzulwazi bezopolitiko (Political Science), uthi uqale ukuzibandakanya nokuthengisa umzimba xa kanye esohlukana neqabane lakhe. Bohlukana emva kokuba limbethe ngesitena emqolo nto leyo yambangela ukuba asebenzise isitulo esinamavili iinyanga ezintathu.Uthi ngethuba esaxhwarhe kwenye yeevenkile zaseBhayi, kwafika amantombazana

angabahlobo bakhe.

“La mantombazana athi avile ukuba ndohlukene neqabane lam, ngoko acela

ukuba ndiye eRhawutini apho amathuba engqesho akhoyo. Bandithengela itikiti lenqwelo-moya ndaya eRhawutini. “ERhawutini ndafikela kwihotele kanokutsho, kanti la mantombazana athengisa ngemizimba. Yindlela abandiloba ngayo.

“La mantombazana abiza umfoti, ndafota umzimba wam ndihamba ze kufihlwe nje intloko. Ndatshintsha negama ndayeka ukuba nguVera ndanguFlame.

Ndatshintsha nobuzwe bam, ndangummi waseBrazil. Kulapho ndaqala khona ukuzithengisa kumnatha wonxibelelwano,” utshilo uVera. Uthi waqina isibindi kulo msebenzi wokuthengisa ngomzimba ngenxa yokuba etshaya iziyobisi. “Ndandikwazi ukulala namadoda nokuba alishumi ngosuku ndisenza amawaka amahlanu eerandi ngesiqingatha seyure,” utsho uVera.

Uthi abafazi bamadoda azizigwili bebembiza ukuba ayokulala namadoda abo.

“Aba bafazi ngaba bala madoda atyebe kakhulu ngokwemali. Bebendibiza ukuba ndiyokulala namadoda abo kuba bengasafunwa ngokwasebhedini. Maxa wambi besiye siphume siye ehotele eKapa ndihamba nesi sibini sitshatileyo, abantu bacinge ukuba ndingumhlobo wabo, kanti mna ndizokuthengisa ngomzimba kutat’ ekhaya,” utsho uVera, ohlukene nalo mkhwa ngo2014.

Kwelinye icala, umyeni kaVera uSakhi, waseBhayi, yena ukhule phantsi kosapho olufumileyo ngokwemali. Noxa kunjalo, uSakhi wazibona egaxeleka kwiqela lemigulukudu ngenxa yokubonela kubhuti wakhe owayesiba iimoto.

Waqala ukuba ngutshotshentla womgulukudu emva kokuba ethathe umpu kowabo wayokuxhomisa kumzi apho babesokola ukufumana imali yemoto ebiweyo ababeyithengisile, wathatha imali ngesinyanzelo.

“Baqala ootsotsi ukundihlonipha, ndabe kanti kukuqala kwam ukuba iimoto zabantu. Ndaqhuba ndisiba iimoto, ndaqala nasekuphangeni iimoto ezithutha imali.

Ndandibizwa naseGoli naseThekwini ndiyokuphanga iimoto ezithutha imali ndiphethe iingadlangadla zemipu. Ngonyaka ka2004 ndakwiqela lemigulukudu elishumi eyoyikwayo.

“Ndandisebenzisa amayeza ndihamba kwaMhlabuyalingana (KwaZulu Natal) ngelokuzikhusela kwimipu nasematyaleni. Ndandibolile ngamatyala okubulala nawokuphanga.

Ndagwetywa iminyaka engamashumi amabini anesithathu, emva kokusokolisana namapolisa ixesha elide,” utshilo uSakhi, ongaphandle ngokubhena ngelifuna ibheyile.

Isizathu sokuphuma kukaVera noSakhi kulo mgibe beberhintyeleke kuwo sinye: ngumthandazo. Bathi bathandazelwa ngunyawontle uTimothy Omotoso weJesus Dominion International.

Kubomi babo, esi sibini sigqibe kwelokuyibalisa ngeencwadi le nyewe.

Incwadi kaVera ithi My Journey From Grass To Grace logama ekaSakhi isithi From Why To Wow.

Onomdla kwezincwadi angatsalela kule nombolo: 083 717 6171.