UMuthambi uqhwabela izandla icandelo likamabonakude

UMphathiswa wesebe lezonxibelelwano uFaith Muthambi uqhwabele izandla icandelo likamabonakude eMzantsi Afrika eligqiba iminyaka engamashumi amane liqhuba kule nyanga.

Kwakuyiveki yokuqala kuJanuwari ka1976 apho iqumrhu losasazo loMzantsi Afrika (SABC) laqala usasazo. Oku kwalandelwa kukusungulwa kukaMnet ngo1986, yaze yangu-etv ngo1998.

UMuthambi uthe: “Noxa nje kukuninzi esele kwenziwe ukuqinisekisa ngomakulinganwe kweli candelo, kusekuninzi ekufanele kwenziwe okufana nokuza neenguqu.”