Anifunwa kwezinye iindawo zidwesha

Masithi uya pha kuCentane kwela cala leehotele zaseQolorha, uhambe uyokukhangela indawo yokulala pha. Uthi usangena kwisango uxhwaywe ngabagcini-sango ngelithi “mkhuluwa, umlungu walapha akanifuni apha. Uthi niyamosha!” Endaweni yokube usilwa, ubuye umva uye kwenye ihotele.

Usakufika kwenye kuthiwe kugcwele ngelo xesha uyabona ukuba maninzi amagumbi angenamntu kwaye kukho iimoto nje ezimbini, kusebusuku. Ujike nalapho uyokukhangela enye. Usakufika kuleyo ugagane nomlungu wayo ubuqu, akubulise ngo “hamb’ apha khafula ndini!”

Ungathini? Iyamangaza into yokuba iziganeko ezinje zisenzeka kulo Mzantsi Afrika wethu. Iphinde imangaze mpela ukuba ziyenzeka nalapha eMpuma Koloni; pha ezilalini. Kwaye ingathi abantu bakuthi sebayiqhela impatho enje; basuke bathi “hayi wethu, unjalo umlungu waphaya” iphelele apho.

Kule veki sipapashe isibhengezo senkqubo yokulwa ucalucalulo singabakwa-Independent. Siphume kwelayizolo iphepha eso sibhengezo kodwa sezingena izikhalo. Kuthiwa masiyokukroba kwilali ethe nethe; kuthiwa masiye eKokstad siyozibonela isigezo samaBhulu pha, kuthiwa masiye

koomaHole-in-the-wall eXhorha khe siyokuzibonela ngawethu izinto ezinyamezelwa ngabakuthi, kukho nezikhalo ngoonovenkile namafama akhohlakele mpela. Luthotho lweziganeko nezicelo zokuba siye apha naphaya sivumbulule oku kungcola kugquba kwiphondo lethu.

Thina esinokukwenza kukubhala qha ngezi zinto, sizipapashe, izwe lazi ngazo. Eyokuba uzakutshintsha isimo somntu onocalucalulo asinakuqiniseka ngayo. Kodwa nathi singuMzontsundu kuyafuneka khe sizimele, singavumi ukuxhatshazwa ngokohlanga.

Umntu makazithembe kwaye azive eneemfaneleko zokuba kulo mhlaba. Ubukho bethu apha ayiyompazamo, nathi sifanelwe bubomi nentlalo ekhululekileyo. Asiqondi ukuba ukhona owadalelwa ukuba abelixhoba lomnye kulo mhlaba.

Ngalawo ke singathanda ukuba sithi kwakhona, sikhona, sibhaleleni ku isibhalo@inl.co.za nisikhombise wonke umntu obhuqwa sisifo socalucalulo.

Niyonwabele impelaveki!