UMzantsi Afrika, ilizwe elingenagama!

Ngokwesithethe sakwaNtu umntwana mhla kwabelekwa, efika kulo mhlaba umagad`ahlabayo, unina noyise babiza oomkhulu bomntwana lowo, ukuze bamthiye igama.

Umzekelo, abantwana bam ndinguXolani Sikhomo Mavela, bathiywe ngootatomkhulu noomakhulu babo kwicala likatata nakwicala likamama.

Bakuthi ke xa bebeka amagama phantsi kube nzima ukuvumelana, sifane sibizwe singabazali sikwazi ukukhetha, nangona ke amathuba oko kungavisisani enqabe oku kwezinyo lenkukhu.

Umntwana kwantu uthiywa ngokwemveli yakhe, umnombo okanye umlibo wakhe, kuquka nomqondiso wakhe kwaneenjongo zekhaya ngaye.

Xa kuzalwa umntu okanye into entsha, oko kuzalwa kwayo kuhamba nokuthiywa kwayo igama eliza kuveza ubume bayo, imveli yayo, inkcubeko yayo kwaneenjongo ezikhoyo ngayo.

Naxa ilizwe lokuthinjwa likhululeka ekuthinjweni obugunyaziswa bubukoloniyali, elo lizwe lifana nelizalwayo, lizalwa ngokutsha litsho lithiywe negama elibonakalisa ukuxibilika kwedyokhwe yokulawulwa ngabangeneleli. Ixesha elininzi uMzantsi Afrika wawulilizwe elaliphantsi kolawulo lweBritane.

Mhla iBritane yaginya eli lizwe phantsi kolawulo lwayo, yalinika igama elingu-South Africa. Kunanamhlanje elo gama lisemi. Lisemi nangona loo maNgesi amakoloniyali aseNgilane athiya ilizwe lethu ngokokuma kwalo kwizwekazi leAfrika.

Kaloku eli lizwe lwikwincam esemazantsi kwizwekazi leAfrika. Ingaba bethu lamaNgesi angamakoloniyali afika kweli lizwe lingekho igama lalo lesintu, nanjengoko ililizwe ekuhlala kulo izizwe ezintsundu zakwantu?

La makoloniyali ayelithatha phi igunya lokuthiya ilizwe abafike linabantu balo ngegama elithandwe ngabo?

UMzantsi Afrika uqhubekekile usebenzisa eli gama lichaza ingingqi esikuyo kwiAfrika nangeli xesha sekulawula urhulumente wocalucalulo nowayekhokelwa ngamaAfrikaner. Nabo ke abakhange babe nangxaki kuba kakade imveli yabo iseYurophu.

Ingxaki endinayo yeyokuba ngalo lonke eli xesha kwabelwana ngolawulo lezwe lethu, ilizwe lookhokho bethu abangamaAfrika, thina maAfrika sithule sithe tu! Asikwazi nokulwela kokuthiywa kwezwe eli lakowethu ngegama eliveza abemi bemveli yeli lizwe okanye igama eliveza nokuba linye kwiilwimi zemveli zeli lizwe.

Kwicwecwe lakhe elaba yindumasi, ubawo ongasekhoyo uZim Ngqawana wabandakanya nengoma ethi: “Sad Afrika: A Country without a name”, oko kukuthi uMzantsi Afrika olusizi, ilizwe elingenagama.

Wanga umphefumlo wakho ungaphumla ngoxolo Bro Zim, nangona kunanamhlanje eli lizwe, nangoku selakhululwa nakwingcinezelo yocalucalulo ngomnyaka ka-1994, alikabi nalo igama elijolise kumaAfrika emveli eli lizwe.

Imizekelo siyibonile kumazwe amaninzi eAfrika awayethinjwe bubukoloniyali njengathi. Athe akukhululeka la mazwe, xa oorhulumente abangabantwana begazi leAfrika bexhuzula imikhala, atshintshwa amagama obukoloniyali, kwavela amagama alatha inkcubeko, ubuntu, imveli kwaneelwimi zalo mazwe.

Ilizwe lokuqala ukuzimela kwizwekazi leAfrika lelo lalisakubizwa ngamakoloniyali ngokuba yiGold Coast. Lithe lakukhululeka eli lizwe kulawulo lwamakoloniyali aseBritane, iinkokheli zalapho ezifana noKwame Nkrumah zalithiya ngokutsha, kwatsho kwavela igama lemveli yelo zwe, eli nanamhla silazi ngokuba yiGhana.

Mhla amatsha-ntliziyo eFrelimo afana noEduardo Mondlane noSamora Machel alwela ukuzilawulwa kwamaAfrika ezwe elalisakubizwa ngePortuguese East Africa ngamakoloniyali, alithiya ilizwe lakowabo loo maAfrika ngegama lemveli eliyiMozambique.

Ngubani na ongayaziyo ukuba iZimbabwe yayisakubizwa ngokuba yiRhodesia ngamakoloniyali? IZambia yayisakubizwa ngeNorthern Rhodesia.

INamibia isakubizwa South West Africa. iLesotho isakubizwa Basutoland, iBotswana isakubizwa Bechuanaland. Onke la mazwe namanye amaninzi ayephantsi kolawulo lwamazwe aseYurophu afana neNgilane; iFransi, iBelgium, i-Italy, iJamani namanye, athi mhla azalwa ngokutsha athiywa amagama angabantu bemveli aloo mazwe, kujongwe indlela abaphila ngayo, amasiko kwaneenkcubeko zabo, kuthiywa ngeelwimi zemveli zaloo mazwe.

UMzantsi Afrika ligama lengingqi! Eli lizwe alinagama! Ukuba ke asinakulithiya sijonge imveli yamaAfrika angabemi beli lizwe, mhlawumbi sithi kuseBuntwini okanye kuKwantu, kungenjalo kuvele amagama angawo angathi, thina bantwana bemveli, kuthiywe ngolwimi lwemveli, singasuka sithi ke kweli lizwe kuseAkunagama, kuba ke ngenene okwalomzuzu, asinalo nyhani igama leli lizwe bantwana bakowethu!