Umzimba wendoda enqunyulwe umqala eSite B

Kapa: Zithand’ukuxhaphaka okweentakumba enjeni iziganeko zokufunyanwa kwemizimba kwilokishi yaseSite B.

Ngentsasa yangoMvulo, amapolisa afumene ubizo kwingingqi yamatyotyombe ooRR kula lokishi nalapho kubonwe khona umzimba wendoda.

Usomlomo wamapolisa ephondweni uKhapteni Fredericks Van Wyk uthi ngumzimba wendoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu ubudala ofunyenwe phantsi kwebhulorho kwingingqi yamatyotyombe ooRR eSite B. “Akukabikho lwazi lokuba ixhoba libulawelwe kwindawo ofunyenwe kuyo umzimba okanye uyokulahlwa kusini na.”

UVan Wyk uthi ixhoba linamanxeba okuhlatywa kwaye amapolisa aqhuba uphando, ekwabongoza nabani na onolwazi ngesi siganeko abikele amapolisa.

Nangona uVan Wyk engavumanga ukudiza imeko ofunyenwe ukuyo umzimba, abahlali babika ukuba umqala unqunyulwe kwaye ukrolonqwe amehlo.

Ingxelo zikwadiza ukuba ixhoba lelakoo-V kwaseSite B, kodwa akukho mntu unolwazi lokuba ubulawelwe ntoni na.