Unalo ilungelo lokuyijikisa into evenkileni xa ibolile !

Ome ngenyawo yingqonyela yakwa National Regulator for Compulsory Specifications uEdward Mamadise, Obambele njengeKomishini uThezi Mabuza, Fort Hare Vice Chancellor Sakhela Buhlungu kwakunye no Gqirha Nombulelo Lubisi.

Kumaxesha amaninzi uluntu ingakumbi abo basemakhaya nasemaphandleni abaye bangayithatheli ngqalelo into yokuba bayokujikisa evenkileni xa ethe wathenga into ebolileyo okanye engeyiyo le ebeyifuna.

Uluntu luye lucinge ukuba leyo yinto yabantu abamhlophe kuphela eyokujikisa kanti hayi yinto yomntu wonke.

Oku kuvele ngethuba iqumrhu elilwelwa amalungelo abathengi libhiyozela iWorld Consumer Day2020 eMonti ngempela veki.

Olu suku lubhiyozelwa rhoqo ngomhla weshumi elinesihlanu kuMatshi.

Kambe abanye baye bangajikisi kuba besithi boyikwa ukuphoxwa ngabanini beevenkile.

INational Consumer Commission (NCC) izakusebenzisana neyunivesithi yaseForth Hare ukuqinisekisa ukuba uluntu luyawazi amalungelo awo njengabathengi ezivenkileni.

INCC ityikitye phantsi isivumelwano kwakunye necandelo lezoMthetho lale yunivesithi malunga nale ntsebenziswano izakuthi yenzeke.

INCC kwiveki ephelileyo ichithe ixesha layo kweli phondo nalapho ivale ivenkile ebizwa ukuba yiChina Mall eseOxford eMonti ivalwa kuba ingafikeleli kwimigaqo kwakunye nemiqathango yenye yempahla ezithengisayo.

Ezinye zezinto ezibhaqwe kule China Mall ezinobungozi eluntwini ziiglowubhu zokulayita ezingekho semthethweni, iijusi kwakunye nezinye izinto.

I-NCC ithi xa isemthethweni kufuneka ibenombhalo osecaleni. Enye yevenkile eye yahanjelwa nguGame kuye kwayiwa nakwisebe lezeKhaya.

UTandikhaya Gcilitshana ongumlawuli kwicala lezoshishino kwisebe loPhuhliso loQoqosho, ezeNdalo kwanoKhenketho ephondweni ucebise uluntu ukuba malungajongi ukuba into ibiza imali encinci atsibele kuyo makathenge esexabisweni ukuze azokhuseleka kwaye ihlale nexesha elide.

UGcilitshana uthi isebe lezeKhaya eMonti bafumene abafuduki abangenazimpepha zisemthethweni nekubanjwe amashumi amabini abantu.

Obambele nje komishina kwaNCC uThezi Mabuza uthi olusuku bagqibe ukuba mabalubhiyozele ngenye indlela kulo unyaka ngokuthi babelane ngolwazi lwabo noluntu.

Injongo yeWorld Consumer Day kukukhusela abathengi. Uthi kubalulekile nokuba into oyithengileyo etyiwayo uyijonge usuku ephelelwa ngalo lambhalo wenzelwe ukukhusela uluntu.

IFort Hare izakuthi gqolo ukufundisa kwanokuxhobisa uluntu ngamalungelo abo bengabathengi.