Undiliseko nesiko, Ah! Zwelonke!

Kuchongwe uNkosi Dumehleli Mapasa njengoyena oza kubamba ubukumkani kude kugqithe isingcwabo sikaKumkani Zwelonke SigcawuUmfanekiso : BHEKI RADEBE

UMNGCWABO weKumkani asimngcwatyana nje. Ngoko ke ufuna isidima nesithozela esikhatshwa kukulandelwa kwamasiko aKomkhulu xa kukho umbandela ofana nalo.

Yiyo lo nto amaTshawe athe ahlala kwindibano Komkhulu eNqadu kuGatyana kule veki, ukuxoxa ngoyena mntu oza kukhokela lo msebenzi.

Njengoko sele kubhengeziwe, iKumkani ikhatshwa (umngcwabo) ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kule yeNkanga, ngoLwesihlanu ezintsukwini.

Kwindibano ebizinyaswe ziinkosi zamaTshawe, kuquka nezo zakwaRharhabe zikhokelwa yiKumkanikazi uNoloyiso Sandile, kugqitywe kwelokuba kubekwe uNkosi Anderson Dumehleli Mapasa njengoyena oza kukhokela isiko lokukhatshwa kukaKumkani de kuqosheliswe umngcwabo.

UNkosi Dumehleli Mapasa ngowaseThuthurha kuCentane kwaye uphuma kumnombo kaKumkani Khawuta ozala uKumkani Hintsa. Ngokwesiko ngutatomkhulu kaKumkani Zwelonke, ngokokutsho kukaNkosana Zolile Burns-Ncamashe.

AmaTshawe avakalise ukuba aza kubuya azise esizweni, emva komngcwabo, elokuba ngubani oza kuthatha iintambo zokongamela ubukumkani bamaXhosa.

UKumkani Zwelonke uzalwa nguKumkani Xolilizwe Sigcawu owakhothama kweyoMnga 2005.

Ngokosiba lukaMpumelelo Makuliwe, ophanda ngemiba yemveli, abafazi bakaKumkani Xolilizwe Sigcawu bami ngolu hlobo:

“NguNkosikazi uNondwe intombi kaNyangilizwe kumaMpondo aseNyandeni. Lona ke ngumfazi omkhulu. Igama likaNondwe lakowabo nguFeziwe.

UNondwe uzele unyana ogama linguSiseko ‘Nondoda’ A! Zwelethu!’ nentombi uNomaGcaleka eyendela kwaMatanzima kunyana kaNkosi Ngangomhlaba Matanzima.

Ngelishwa uNondoda waba ngumntu okhubazekileyo ogula sisifo esinxulumene nengqondo, waza ke waba ngumntu okhubazekileyo, baza ke ubukumkani banikelwa kwiqadi leNdlu eNkulu.

“Indlu yasekunene ngumama uNogaweni. Le nkosikazi izala unyana uAhlangene neentombi uBukelwa, uThobeka noFila.

“Iqadi lendlu enkulu ngumama uNozamile. Le nkosikazi izala uKumkani Mpendulo nowathi wangena ezihlangwini zikayise uKumkani uXolilizwe, kunye nonyana uSimphiwe neentombi uVuyiswa noNontathu.

“Iqadi lendlu yasekunene ngumama uNolitha. Kule ndlu akubangakho mntwana. Ixhiba uNkosikazi uNolusapho intombi yakwaGoqolo. Le nkosikazi izele unyana uPhandulwazi, Ah! ‘Ntabothando’,” lutsho usiba lukaMakuliwe.

Kusenjalo, namhlanje ngentsimbi yesibini eMarket Theatre eGoli kuza kubanjwa inkonzo yesikhumbuzo logama ngoMgqibelo iza kubanjelwa kwaBulawayo eZimbabwe ze ngoMvulo ibanjelwe eGaborone eBotswana.

EyaseKapa, Bloemfontein nakwiphondo leMpuma Koloni bezingekabhengezwa ngethuba sibhala eli nqaku.