Undwendwe lobulawu

Phaya ekuqaleni kwalo umiyo, ndisesekhaya, ndifumene ucingo luvela kumninawa wam ngokokuzana koobawo, lusithi kukho undwendwe phaya kokwethu oluze ngomcimbi wobulawu.

Ndithe kuba bendixakekile kwaye kungelula ukuyeka oko bendikwenza, ndathi makhe ndive ngesimo solu ndwendwe phambi kokuba ndiphendule.

Undwendwe oluza ngobulawu kaloku luyahleba malunga nokuza kwalo ukuze lungafiki kungekho bantu emzini. Lolundululwe ngokungxama yintoni ke ngoku olu undwendwe?

Ukayise uthe undwendwe olo ke ngumyeni wentombi buqu, uze kulobola umkakhe! Ndikwafumanise ukuba uhamba yedwa loo mfokazi, akanaye kwamkhaphi.

“Kanti baphi oonozakuzaku balo mfana?” Impendulo ke ibuye isithi uyaqala ukuza kuvela apho ekhaya, susela oko umfana wayezithathele intombi eminyakeni, engayicele mntwini, engazange aze kuyixela nakakade. Ngeliphandle ke wayezizakuzela ngokwakhe umfana!

Ukuthathwa kwale ntombi ingacelwanga nokungaxelwa kwayo nokusuka umfana angqombonyeke nje athi uze kulobola; noko nje xa zizonke ezo nto zibonisa ukugwexwa kweenkqubo zobulawu zethu lulutsha.

Ndizive ndingenako ke ukuyeka umsebenzi endandiwenza ndiye kolu ndwendwe lunje. Ndivuyele kwanokuba kube kanti lufike ndingekho mna apho ekhaya, kuba ke bendingenakumelana nesimo esinjalo.

Isindululo sam ke sathi umninawa makabize ummelwane amchazele ngesimo solu ndwendwe. Ze, ekunye nommelwane lowo, aluxelele ukuba maluhambe lubuyele kokwalo liyo- kuphuthuma abakulo. Lo mfana kaloku akanakusuka eze nje yedwa ngokungathi uzekuthenga igusha kanti uze kulobola!

Ukulungiselela ukuba lungasose luzibone laliwe okomshologu undwendwe olo, ndathi kumninawa mabalothule umthwalo lowo bawugcine kakuhle ukuze noko lungathi beluze lusindwa luphinde lugoduke lusasindwa.

Ndathi ke mayithathwe impahla leyo igcinwe ukuze luthi mhla lubuya nabakulo luyifumane isenjengoko luyishiya; kuchotshelwe umcimbi wobulawu ke.

Ukwenza ubungqina bempahla leyo, ndithe mayibhalwe phantsi phambi kwalo, lunikwe esalo isiphetshana esinye sigcinwe. Ngokwenjenjalo bendisenzela kuthi nokuba lubuya sele bengasekho bona, ubungqina bempahla bubekhona bona. Oku ndikuthathele kumava am apho ndafika amadoda endandichophele nawo umcimbi engasekho, akhoyo ezikhanyela iindawo esasigqibe ngazo, ndathi akwaba kwakubhaliwe!

Benza njengoko ndiyalele ngako konke umninawa nommelwane. Undwendwe lwanikwa ukudla nento eselwayo, laphinda ebelize ngayo lingalobolanga. Ewe! Kwakumele kube njalo!

Kaloku mzi wakuthi ukulobola asikokuhlawula ixabiso engathi lelentengo. Ubulawu buchotshelwa ngendlela eyakha amakhaya amabini.

Ayephi ke loo makhaya kulo mfana? Ukulobola okungathi kukhutshwa umdliwo woburhumsha sasingenakukwamkela thina bengubo. Sasiyakuba siphisa ngomntwana ebantwini esingabaziyo ngaphezu kokuba sele wazilahlelayo kakade. Kulunge kuye ukuzilahla, hayi nakuthi.

Indlela oluzenza ngayo izinto ulutsha iyakhwankqisa. Bathi ngeli xa bekhula bebona kodwa bazikhethele ezabo iindlela ezilunge kubo, ze zakubantshulela ameva kufuneke ibesithi ababangula loo manyala.

Thina sasiyithathe ngokuba igcagcile intombi, kwaye asizange siphinde sijonge kwanto yokuba ingeza kulotyolwa.

Yayizidephisele ngokwayo ukuba ingaze ithathwe njengomfazi apho ikhoyo kwanokuba nathi singaze siyithathe ngokuba yendile, sithi isesiphatshwini.

Ukuba bakhumbuzene xa kutheni ke ngoku asazi, kuba ke nentombi leyo yethu sele imasu mabini kweso siphatshu ibikuso njengokuba kukhona kufuneka sichukumise umcimbi wobulawu bayo nje ngoku.

Zizibandisa ngokwazo iintombi zanamhlanje. Zikhetha imbutho endaweni yomendo. Zivuma ukushweshwa ze zifune ukuba nathi samkele loo nto! Goba msenge iibhokhwe zikudle!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba