Ungaphandle ngebheyile umfama obethe umsebenzi

Umsebenzi wasefama uJohannes Baadjies obethwe ngumfama. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ungaphandle ngebheyile yewaka leerandi umfama waseNtshona Koloni ojongene nezityholo zokubetha enzakalise umsebenzi wefama yomdiliya kufushane neLutzville kwingingqi egudle unxweme leNtshona Koloni.


UJohan Coetzee ongumfama ubanjwe wavalelwa ngeCawe ngezityholo zokubethela ugqirha nezicaka  uJohannes Baadjies oneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala, amtyhole ngokuhamba kwifama yakhe ngaphandle kwemvume

Itshantliziyo lamalungelo abasebenzi basezifama uBilly Claasen uthi “Ixhoba liye emapoliseni layalelwa ukuba ze libuye ngelinye ixesha, emva koko uCoetzee ulinike imali engamakhulu amane eerandi (R400) ukuba angabuyeli emapoliseni.”

Nangona kunjalo uClaasen uthi “Singamatshantliziyo abasebenzi basezifama siye samkhapha uBaadjies ukubuyela emapoliseni.” Amapolisa alithathile ixhoba alisa kwisibhedlele saseVredendal nalapho anyangelwe ukophuka imihlathi, entloko, ukonzakala izidlele kwanokuphulukana namazinyo.”

Usomlomo wamapolisa kweli phondo uKhapteni Fredericks Van Wyk uthi amapolisa aqhuba uphando ngezityholo zokuxhaphaza ngenjongo zokwenzakalisa.

UCoetzee uza kuvela enkundleni kwakhona ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesihlanu. Uyalelwe yinkundla ukuba acezele kude kuBaadjies.