Ungavusa umnyele umboniso wobukhoboka!

Nosabatha Nyumbeka, Keerthi Ayashwarya kunye noAadhitya Bahudhanam Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UKWENZIWA komboniso bhanyabhanya obonisa impathombi yesizwe esintsundu, ingakumbi amaXhosa, kungavusa umnyele kumzi kaPhalo nanjengoko kuza kubhentsisa inkqubo yobukhoboka eyayisenziwa ngabacinezeli – amakoloniyali.

Lo mboniso, obizwa Diamond in the Dirt, uza kusekwa ngokungqamene ngqo nonyaka ka1832 apho kwakusadliwa ngendebe endala kwaXhosa.

Iindawo ezifana nentaba yaseAmathole nakumlambo iNciba, zizo apho kuza kusekwa khona lo mboniso oveliswa ngokwentsebenziswano phakathi kwabavelisi baseIndia naseMpuma Koloni.

Ubuninzi babadlali baza kube bephuma kweli leMpuma Koloni. Kuthe ndii ukuba uCharlize Theron iyakuba ngomnye wabadlali, kodwa abavelisi bathi abakayifumani ingqiniseko.

Umvelisi waseIndia uAadhitya Bahudhanam uthi emva kophando alwenze eseIndia malunga nenkqubo yabantu abantsundu baseAfrika ababesenziwa amakhoboka ngabacinezeli, wabona ukuba iMpuma Koloni yeyona ndawo onokusekelwa kuyo lo mboniso.

“Lo mboniso uza kusekwa ngokusebenzisana noNkosi Mhala kaNdlambe, emva kokuba ndifumanise ukuba unebali elihamba ncakasana neenjongo zalo mboniso. Eyona nto ebangele lo mboniso, kukuba ndifuna ukwazi ezona zinto ezabangela ukuba kupheliswe inkqubo yobukhoboka ngenxa yesolotya lomthetho ngo1833.

“Ubukhoboka buqale ngo1807. Ndifuna ukujonga ukuba yintoni le yenze kwathatha ithuba elide ekubeni bupheliswe kuquka nezizathu zoko. Lilonke silapha eMpuma Koloni ukwenza lo mboniso, ongasithathela into ephaya kwiinyanga ezintathu,” utshilo uBahudhanam, ebalisela I’solezwe kwiiofisi zeli phepha eVincent eMonti.

NgokukaBahudhanam, lo mboniso ubalisa ncakasana ibali lamakhoboka kwanendima eyadlalwa ziimishinari zamaKrestu elo xesha ukuthibaza impathombi yabantsundu kumhlaba wabo.

UNosabatha Nyumbeka, weNext Media Film Productions yaseMpuma Koloni, noza kusebenzisana neli gqiza laseIndia uthi,

“Ndikonwabele kakhulu ukusebenza neli qela laseIndia kuba kukokokuqala ndibona abavelisi bemiboniso bangaphandle benomdla wokusebenzisana nabantu beli phondo.”

UNyumbeka uthi iMpuma Koloni iza kuxhamla ngengeniso ngokumayelana nalo mboniso.

“Izindlu ezinempawu zonyaka ka1832, ziza kwakhiwa ngabantu balapha eMpuma Koloni. Siza kusebenzisa izinto ezifana neenqwelo zamahashe, ukuba akukho bantu banazo, siza kuzakha apha eMpuma Koloni,” utshilo uNyumbeka.

UNyumbeka uthi lo mboniso ungavusa umnyele kumzi kaPhalo. “Uza kuvusa umnyele kubantu bethu kuba ulanda impathombi yabantu abamnyama, apho ngokomzekelo umntu wayethi xa enegama lesiXhosa aqhwatywe ngempama, ze emva koko anikwe elesiNgesi.

Uthi ucinga iyakuba sele ugqityiwe lo mboniso kweyoMnga kwaye bafuna uqale kwiisinema zeli phondo eHemmingways eMonti naseBaywest eBhayi.