Ungcwatywe iinyawo zingaphandle ebhokisini!

Ufakwe ngaphantsi komhlaba iinyawo zingaphandle ebhokisini uMbulelo Ncinane (31) waseRwantsana eCacadu, usapho lusaxhelekile UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Umzimba kaMbulelo Ncinane (31) waseRhwantsana eCacadu (Lady Frere) kunyanzeleke ukuba ungcwatywe iinyawo zingaphandle ebhokisini, nto leyo eshiye unxunguphalo kusapho.

Usapho lugxeka Abaveleli Funeral Services ngelithi basilele ekucwangciseleni ubude bukaMbulelo. UMbulelo, obhubhe emva kokuzixhoma, ungcwatywe ngomhla wesibini kule nyanga.

Usapho lakwaNcinane luthi aba bangcwabi bakhe bafowuna besithi uNcinane ukubude beemitha eziyi-2.7.

“Bathi baza kuphinda babuyele kuthi kodwa abazange baphinde babuyele kuthi,” utshilo uAsanda Ncinane ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

Ngomhla womngcwabo, usapho luthi luqale ngokuqaphela ukuba intloko yomzimba kaMbulelo ivelile ebhokisini futhi ifakwe isaloteyipu.

UAsanda uthi zange bayibona into eyenzeke kokwabo, isengumbono ombi nangoku ezingqondweni zabo.

Uthi intloko ibingaphandle ivelile, wabe ezindlebeni esenamacici.

“Sithe sisothuswe yeyamacici asesezindlebeni, kodwa umntu akasekho, xa etyhilwa wonke imilenze isongene kuba akoneli ebhokisini. Kunyanzeleke ukuba kuphinde kuqhaqhwe umzantsi ebhokisini wangcwatywa enjalo kuba besingenako ukwenza ngakumbi. Umntwana wasekhaya ungcwatywe enjalo, asixolanga tu luhlobo esiqhutywe ngalo yiAbaveleli sibe besibhatala inyanga nenyanga, singasokolisi,” utshilo uAsanda.

“Mna besendisithi makakhutshwe umzimba wakhe simngcwabe engenabhokisi, kodwa ootata abadala bathe masimngcwabe iinyawo zinjalo,” utsho uAsanda. I’solezwe alikwazanga ukuthetha nabazali bexhoba njengoko besaxhelekile yinto eyenzeke kunyana wabo. Ukufika komzimba babuza kula madoda ukuba kutheni efakwe kwibhokisi encinci umntu wabo, uthi aphendula ngelithi bona abazazi ezolawulo, bafika bona bathathe imiyalelo yoko kuthwe mabakwenze kuphela.

Uthi evekini phambi kokuba bangcwabe batsalelwa nguBulelwa Diba osebenza kumzi wabangcwabi, esithi incinci ibhokisi yexhoba. Usapho luthi uBulelwa wabaphendula ngendlela engentlanga nto ekhombisa ukubadelela. Bathi zange aphinde abuyele kubo uBulelwa njengoko umzimba wathi gqi sele ukuloo bhokisi ingumpitso.

“NguBulelwa ophangela phaya kwaye ozaziyo izinto zaphaya. Thina besiza kuyazela phi ukuba senze njani xa ibhokisi incinci? Siziva ngathi sijongelwe phantsi ngulo mzi waba bangcwabi! “SingamaXhosa, uMbulelo useza kukhala ekuhambeni kwexesha luhlobo ahleli ngalo endaweni yakhe, kuba iinyawo zingaphandle nentloko ingaphandle, mababone ukuba benza njani ngayo, besibhatala phaya!”

UMphathi Jikelele weAbaveleli Funeral Services uAkhona Ginyigazi khange aphendule kwezi zityholo, koko uthembise ngokubuyela kuthi njengoko ebesithi usesendibanweni.

abongile.ginya@inl.co.za