Ungenelelo kwingxaki yokubiwa kwemfuyo eSulenkama

Inkulubaphathiswa yephondo uOscar Mabuyane, uMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Liziwe Ntshinga eSulenkama kuQumbu ngoLwesibini SAPS/MAPELO GOGI

Inkulumbuso yephondo uOscar Mabuyane uzikhalimele izenzo zokuduma kakubi kwendawo yaseSulenkama kuQumbu ngokubiwa kwemfuyo.

UMabuyane ebetyelele kule ndawo ngoLwesibini kule veki ekunye noMkomishinala wamaPolisa ephondo uLt Njengele Liziwe Ntshinga negqiza lakhe, beyokukhalimela lo mkhwa kwaye beyokuqinisa nobudlelwane phakathi koluntu lwala mmandla kwakunye namapolisa.

ISulenkama yenye yeendawo ezihamba phambili kweli phondo ekubiweni kwemfuyo ngokokudizwa ziinkcukachamanani zephondo kulwaphulomthetho. Abahlali olu tyelelo lweNkulubaphathiswa baluvuyele, besithi mhlawumbi utshintsho lungakhona.

Le ndibano ibibanjelwe kwilali yaseKubusi eSulenkama apho ibikhokelwa nguMkomishinala wesithili seOR Tambo uNjengele David Kanuka.

UKanuka uveze umsebenzi osele wenziwe ngamapolisa ala mmandla kwiinzame zokulwa lo mkhwa kulo mmandla. Ukwagxininise ukuba amapolisa awazinzanga aseza kubamba abo babandakanyeka ekubiweni kwemfuyo.

UNtshinga udize ukuba kukhona izicwangciso abazenzileyo ezohlukileyo ukulwa noku kummandla waseSulenkama neziphaluka.