Unikezele ngekiti kwiqela lase Site B uAlbert Fritz

Umphathiswa wophuhliso lwentlalo yoluntu eNtshona Koloni uAlbert Fritz, nomphathiswa wezempilo kwakwela phondo uNomafrench Mbombo bekunye namalungu eMighty United. Umfanekiso: Unathi Tuta

Unikezele ngekiti, kwiqela lebhola ekhatywayo awayelithembisile umphathiswa wophuhliso lwentlalo yoluntu eNtshona Koloni uAlbert Fritz. OkaFritz ukwenze oku ngeliphumeza isithembiso sakhe kwiqela iMighty United, eli qela lebhola ekhatywayo kwingingqi
yooBM eSite B.  

Lo mphathiswa uthi walibona eli qela
ngethuba egaya inkxaso yombutho wezopolitiko iDA kula ngingqi phambi kolonyulo loorhulumente
boomasipala ebelikwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo.

“Eyona
nto yandenza umdla wokuba ndifune ukuba nceda kukuba bandixelela isisathu sokuzibandakanya
kumdlalo webhola ekhatywayo, kukuba abafuni kubandakanyeka kwiziganeko
zolwaphulo mthetho okanye ukusetyenziswa kweziyobisi,” utshilo uFritz.

Uqhube wathi, “Umntwana
ozibandakanya kwimidlalo ngumntana ongahambi ezinkundleni zamatyala, kwaye kufuneka ukuba baxhaswe khon’ ukuze bangabi sadibana nemikhuba yolwaphulo
mthetho.’’

Uthe uzakusoloko ezama
ukunceda bonke abafuna uncedo kuye, ingakumbi abantu abatsha abazama ukuhlala
kude kulwaphulo mthetho. OkaFritz uthe, uzakuqinisekisa ukuba eli qela lifumana
yonke into eliyidingayo ekuquka neebhola zokudlala nezinye impahla.

Umqeqeshi weli qela uSiphiwo
Hotani uthi unemincili sesi sipho nebese busincama emva kwezithembiso ezininzi zabantu
abohlukeneyo. Uthi okwangoku eli qela linabadlali abangamashumi amabini
anesihlanu kwaye sele kukho amaqela akwinqanaba eliphezulu abonakalisa umdla
kubadlali ababini kubo.