UNosection akasaboni

Imbali egqamileyo engemiqondiso nemimangaliso abantu abaninzi baye bathande ukuyayamanisa nezibhalo ezingcwele.

Umzekelo, kwabo banesiphiwo nesakhono sokushumayela becaphula kwiBhayibhile, uye uve bebalisa ngemimangaliso efana nokuvuswa komntu obekucingwa ufile; ukujikwa kwamatye abe zizonka; ukujikwa kwamanzi abe yiwayini; ukukhomba ngentonga yomsimbithi kulwandle luvuleke kubini; njalo njalo.

Kulowo umameleyo la mabali anokumangalisa okukhulu, kangangokuba nengqondo yomphulaphuli izale ziingcinga, ibhadule kakhulu kuba isakha umfanekiso-ngqondweni wendlela enokuba le mimangaliso yenzeke ngayo.

Kuko konke oku, kukho nto ilibalekayo mabandla kaTshiwo, bantwana bakaNkosiyamntu, le yokuba umhla nezolo, kwintlalo yethu maXhosa kuhlala kusenzeka imimangaliso.

Nayo le mimangaliso iyathabathekisa kanobom, kwaye ukuthabathekisa kwayo akuxhomekekanga kwimbali kuphela, koko kuhambelana nokuzibonela oko kwenzekayo ngamehlo.

Kangangokuthabathekisa kwemimangaliso eyenzeka apha kowethu maXhos`amahle, ude umve lowo ubona oko akubonayo esithi inokuba ndiyaphupha.

Umve omnye edanduluka esithi ndiyalama, khanincede nindimfikile ukuze ndiqiniseke ukuba oku kwenzekayo ndikubona ngenene, andilelanga kwaye andimkelwa zingqondo.

Mawethu apha kowethu iyakwazi inkomo ukungakhali ngoku sele ifuthaniselwa ivalwa umphefumlo, iyakwazi ukungakhali ngoku sele incuntswa kabuhlungu ngomkhonto, kanti ngalo lonke elo xesha kukho nto ingahambanga kakuhle esikweni, ukuze kuthi kwakulungiswa, kwale nkomo ibimumathe umlomo ingabhongi uyive idanduluka ibhonga.

Mawethu sazi sonke ukuba apha kowethu umntu uyakwazi ukuthwetyulwa abizelwe kumanyange akowabo emkhathweni, ukuze kuthi xa ikhaya lakhe likulandele kakuhle konke okumele kwenziwe ngeli lixa ilungu lolo sapho lusemlanjeni, umntu abuye eligqirha lamanzi elinyanga kuphele neso sifo besixake isizwe kwaneengcali zoogqirha abathenjiweyo.

Le yethu imimangaliso sisoloko siyibalisa sigqitha, asiyiphinda-phindi okanye asiyigxininisi siyishumayele ukuze ibetheleleke ezingqondweni zabantwana bethu.

Kungani na ukuba kwiimbali esinazo ngemimangaliso yesizwe sikaNtu, singabalisi ngayo le mimangaliso umhla nezolo kwiintsana zethu, ukuze abantwana bethu babone ubungangamsha bamasiko nezithethe zethu?

Kweli nqakwana ndivumeleni ndikhe ndityhile amehlo kumlisela nomthinjana kaMalangana ngommangaliso owehlele isizwe samaNgwevu kwisithuba nje seenyanga ezisixhenxe.

Ubawo omkhulu uMqabuko ubhubha eminyaka ingamashumi asixhenxe ezelwe. Imbali ithi ekuhambeni kwethuba, ukhethe ukuguqukela kwinkolo engakukhuthaziyo ukwenziwa kwamasiko nezithethe.

Nanjengamntu obengenzi masiko ke, nendlu yakhe ayibonanga nto imbi ekubeni inkqubo yokufa kwakhe ingatenxi kwinkolo yakhe, kwaye kungabikho sidingo sakumzilela okanye ukumbuyisa nanjengoko ezo zinto wazicebulayo kuzo kwamhla mnene.

Kwalile kula nyanga yoMdumba nonyakanje, wangena umnxeba usuka kwinkulu kabawo uMqabuko, usithi inkosikazi yakhe umama uNosection usuke wavaleka amehlo, kangangokuba akasaboni nokubona.

Ngoko nangoko amaNgwevu ahlangene, athatha iintonga, kwayiwa kuviwa isizeka-bani. Onke amagqirha akhombe into enye, atsho ngamxhelo-mnye ukuba la mehlo avalwa sisikhalo sikabawo uMqabuko, ufuna ukuzilelwa nangona ebhubhe engasawenzi amasiko.

Lubekiwe usuku, yawa inkabi yenkomo, ombela amaNgwevu yimincili, kwazilelwa ubawo uMqabuko. Kusile ngosuku olulandelayo, wonke umzi wavuswa ngumama uNosection, ekhwaza esithi maNgwevu ndiyabulela, ndiyabona, inkungu ayisekho emehlweni. Zihambile iinyanga ebona uNosection, kwala xa kuphela le nyanga yoMsintsi kwakulo nyaka, aphinda avaleka amehlo.

AmaNgwevu awaphozisanga maseko, abhunga ngesichenene somqombothi, kwalandela intshayelelo ngebhokhwe, kwathi kusiyiwa enkomeni wabe sele ephinde wabona uNosection.

UNosection uthe akungaboni akwayiwa koogqirha bamayeza, koko unyangwe ngesiko, isiko lamvula amehlo sele emfameka umntwan’omntu.

Nalapha kowethu maXhos`amahle, sinemimangaliso enika umdla kakhulu. Masibabaliseleni abantwana bethu ngale miqondiso nangale mimangaliso ihlala isehla kwindlu entsundu, ukuze bazingce ngesiko labo nangobuXhosa babo.

Nokuba siyathanda okanye asithandi, isiko lethu liyeza okanye lichiza kuthi, isiko lethu yintsika yobomi bethu. Wakhumbuleni amazwi kaShasha athi: “Nokuba kuyini na hlonipha isiko. Umendo weminyanya awazi minyaka. Mhle kuba uphilise izinyanya. Usisimakade nakuni bazukulwana. Isiko lisiko!”