UOmega wazisa icwecwe lakhe elitsha

Imvumi yomculo weGospile uOmega Khunou

IsiXhosa sithi ‘igqabi aliwi kude emthini walo”, ukanti nemvumi yomculo weGospile iyakungqina oku.

UOmega Khunou, 37, waseMntla Ntshona kindawo ekuthiwa kuseKoster, ukhuphe icwecwe lakhe elitsha nelithi “Worship In Spirit & In Truth” – lineengoma ezilishumi elinesihlanu.

Le mvumi nezalwa nguMfundisi uKhunou, yaqala ukucula iselula, kwibandla likatata wayo. Ukukhulela kwayo ecaweni yenye yezizathu ezibangele ukuba igqibele sele icula umculo weGospile.

“Ukucula yinto endingathi ndiyifunde ekhaya ndisemncinane njengonyana womfundisi. Ndicule kwikwayala yecawa nalapho abantu babemangazwa yitalente ababeyibona kum, ndabe ndikhula nomculo weGospile ngolo hlobo,” utshilo uOmega.

Eli cwecwe litsha lelesihlanu kumacwecwe kaOmega kwaye lineengoma ezifana nezithi Kgosi ya Dikgosi, Blessed Assurance, O Molimo, Ewe Wena kunye nezinye.

Ukanti uOmega unawo namanye amacwecwe aquka elithi Messiah (2008), Walk in the light (2009), Hayo (2013), kunye nelithi Crossover (2015).

“Indlela khange ibelula ukuqala kwam, kukho nexesha apho ndakhe ndalala kwisitishi seebhasi eGoli iintsuku ezintathu. Emini ndandiye ndicule ezitalatweni ndizama ukuthengisa icwecwe lam nalapho abantu babephosa oko banako. Izinto zithe zabangcono ngo-2013 nalapho ndabayinxalenye yeSpirit of Praise,” utshilo uOmega.

Le mvumi nezibhalelayo umculo wayo, ikwancediswa nazenzinye iimvumi ezikufutshane kuyo. Le mvumi isebenze neemvumi ezininzi ezifana noBenjamin Dube, Neyi Zimu, Solly Mahlangu kunye nabanye.

“Umculo wam ungezinto endigqithe kuzo ebomini. Oku ke kwandenza ndavula intliziyo yam ngentlungu eyathi yandehlela, ndasebenzisa umculo ukuzithuthuzela, kuba ndisazi ukuba bakhona abantu nabo abagqithe kwizinto ezithile nam endigqithe kuzo ebomini, nabanokufumana ukuthuthuzelwa ngumculo wam,” utshilo uOmega.

Ukanti uOmega sele ecule kumazwe afana neBotswana, Swaziland, Lesotho, Ireland, England(UK), kunye neBrazil ebetyelele kuyo kwinyanga esiphuma kuyo yoMsintsi.

Isifundo athe wasifunda uOmega sesokunika imbeko abo afike bekhona emculweni. Kwimicelimngeni ethe yahlangana nayo le mvumi ubala ukucula emva kosaziwayo, abe engowokugqibela kulo mnyhadala.

“Abantu banokukushiya xa kufuneka kucule wena eqongeni, nto leyo yakhe yandehlela neyababuhlungu kakhulu kum. Ukucula emva kosaziwayo emculweni yinto eyandenza ndophuka emphefumlweni xa ndibona abantu bephuma behamba emva kwakhe, nalapho kwakulixesha lokuba iqonga ibe lelam,” utshilo uOmega.

Ukwathe olo suku usalukhumbula ngathi yinto eyenzeke izolo, nalapho umphefumlo wakhe wophuka waziingceba. Nangona kunjalo le mvumi yaqhubeka nomculo kwanokwabelana nabanye oosaziwayo eqongeni. Le mvumi, nanjengoko ibityelele eMonti kutshanje, ithi yothuswe yakwavuyiswa kukuva abantu becula iingoma zayo.

“Oko kundenze ndabona kufanelekile ukuba kubekho umnyhadala endibanawo nokuba mnye – ndihamba noNeyi Zimu – apha eMonti,” utshilo uOmega. Icwecwe likaOmega liyafumaneka kwiindawo ezithengisa amacwecwe omculo.