Uphando ngeentaka ezinesikhalo esoyikisayo

UDanielle van den Heever ebambe intshontsho lentaka yohlobo lweWedge-tailed Shearwater eReunion, ilizwe elikwimpuma yeAfrika UMFANEKSISO: Stephan Keys

 

UPHANDO olwenziwe ngumfundi weYunivesithi iNelson Mandela Metropolitan ngokumayelana nohlobo lweentaka ezincinane kumanxweme akwimpuma yeAfrika, lungabangela ukuba ziqwalaselwe ngenye indlela ezi ntaka futhi zisinde nasekuncipheni nanjengoko zisemngciphekweni wokutshabalala ngenxa yeenguqu zemozulu. 

 

UDanielle van den Heever, wasePlettenberg Bay, nowenza izifundo zeeMasters kuhlobo lokuhlola indlela eziphila ngayo izilwanyana neentaka (zoology), uchithe ixesha ephanda ngezi ntaka ezaziwa ngeso sikhalo soyikisa kunene.

 

Igama lezi ntaka yiWedge-tailed Shearwaters. Ziyawubhabha umgama ongangeekhilomitha ezingamakhulu asibhozo zingaphumlanga.

 

Eyona nto ibangela ukuba soyikeke isikhalo sazo kukuba asohlukanga kweso seekati xa zikhwelana okanye eso sesikhova.

 

Ngethuba eqhuba olu phando uVan den Heever ebekhe achithe ubusuku kolo  nxweme laseReunion naseSyechelles ngeenjongo zokuba efuna ukwazi banzi ngezi ntaka. UVan den Heever, phantsi kwecandelo iMarine Predator Research Unit eNMMU, uqhube olu phando kwezi ntaka ngenxa yesi sikhalo sazo soyikisayo. Olu phando uluqhube kwixesha lokukhwelana kwezi ntaka.

 

“Ndiye ndasebenzisa isixhobo seGPS esingangenwa ngamanzi, ndasifaka epha emisileni yezi ntaka,” utshilo uVan den Heever, esithi ebekwenza oku kuba efuna ukubona ukuba ziyaphi xa ziphuma kwimingxunya yazo, zisiya elwandle ukuyokuzingela iintlanzi.

 

Ibikokokuqala zihlolwa ngesixhobo esikumila kunje ezintaka eReunion, ikokwesibini eSeychelles.

 

UVan den Heever ufumanise ukuba ezi ntaka zibhabha imigama emide kuba zifuna ukufumana indawo eneentlanzi ezithe xhaxhe.

 

UVan den Heever uthi ngokwazi ngezona ndawo zithandwa zezi ntaka kuza kunceda kwilinge lakhe lokwenza izindululo zokuba mazikhuselwe iindawo ezithandwa lolu hlobo lweentaka ukunqanda ukuncipha kwazo ehlabathini nanjengoko zibalelwa kwizigidi ezihlanu kwihlabathi liphela.