Uphendlo lwecwecwe: Monwabisi Nzimela – Ndamkele

Monwabisi Nzimela

UMVELISI weenkqubo zoKholo eBay TV uMonwabisi Nzimela ukhuphe icwecwe lokuqala legospile. Uncokole no-Simphiwe kaFreddie oyintatheli yethu yezoLonwabo malunga neli cwecwe lakhe.

1. Kanene, ubuthe ungubani, waphi?

UMonwabisi ligatyana lomfana waseNgqushwa, ndikhulele kwilali yaseCeletyuma kwalapho eNgqushwa.

Ndikhuliswe ngumakhulu, ndenze amabanga aphantsi eCeletyuma Primary de yanguGrade 4. Emva koko ndiye ndaya kuhlala nomama eBhayi.

2. Khawusibalisele wethu, uqale nini ukucula?

Ndisemncinane kakhulu, ndandidla ngokucula nomakhulu owayengumama waseWesile. Ndiyacinga ndiyincance ebazalini eyomculo hahaha! Umama wayecula, notata ongasekhoyo naye wayecula.

3. Khawunabe ngeli cwecwe lakho limnandi kangaka?

Itayitile ithi ‘Ndamkele’. Ndisebenze kulo noSiyabonga Hlekani (oyiProdyusa), uZodwa Twecu, ndaze ndasebenza naye noLuvuyo Nosilela. Lineengoma ezimnandi ezilishumi kwaye sele liphumile.

4. Gqaba-gqaba nje ngokunokufunyanwa ngumntu othenge eli cwecwe?

Yi-albham emnandi kakhulu, into endithandayo ngayo isikelela mna kuqala, umyalezo ofumaneka kuyo unika ithemba, upholisa amanxeba, kwaye unqula uThixo ngemisebenzi yakhe.

5. Silifumana phi eli cwecwe?

Kuzo zonke iivenkile ezithengisa umculo.

6. Ndamkele, kutheni ukhethe le tayitile?

Nokuba izono zakho zimbi kangakanani na, izandla zikaThixo zivulekile ukwamkela, akakhethi bala lamntu, unguThixo oxolelayo nonenceba.