Uphi umhlaba wabo ke?

Iintshukumo zabahlali bephondo leNtshona Koloni abathathela umhlaba kubo ngokungekho mthethweni zibubungqina bezinga lengcinezelo abakuyo abantu abamnyama kweli.

Ngokabani lo mhlaba bawuthathayo, ebewufumene phi, njani, uphi ke owabo umhlaba njengabantu abazinzalelwane zeli lizwe?

Ndixolele xa ndisithi kuwe la madoda ayedibene eKliptown ngo1955 esenza uMqulu weNkululeko, awuphosa umhlola ingakumbi kumcimbi womhlaba.

Ukuba ayewuchanile umhlola ngezingekho ezi ntshukumo namhlanje, uluntu ngelinesidima sobunikazi bomhlaba.

Khumbula ukuba kula Mqulu weNkululeko kukho isolotya lesine elithi kule nkululeko sikuyo umhlaba uya kwabelwa bonke abo bawusebenzisayo okanye bawusebenzayo.

Xa uhamba nalo ela solotya lithi wonke ubani uya kuba negunya lokuhlala emhlabeni nokuba kuphi apho afuna khona. Inokuba banentloni xa kunamhlanje abo babebhala lo mqulu, kuba nazi izizukulwana zabo zisalwela laa nto babedibene ngayo eKliptown ngo1955.

Kuqhutywe iimvavanyozimvo zoluntu kukhangelwa amacebo okwenza inguqu kumgaqosiseko malunga nokugunyazisa urhulumente ukuba akwazi ukuthatha umhlaba ngaphandle kwembuyekezo.

Ingaba sakubhubha nathi njengala madoda ayebhale lo mqulu singawubonanga umhlaba ubuyiselwa kubanikazi bawo? Siphilela ntoni ngoku, siphilela ukusilela ukwenza izinto eziza kubuyisa isidima sabantwana bethu nabantwana babantwana bethu?

Kutheni abantu abamnyama bengenawo umhlaba eMzantsi Afrika rhulumente? Koda kube nini nixoxa, nikhangela izimvo, nibamba iintlanganiso ezinamagama amakhulu ezithetha ngomhla?

Akukho mthethweni ukuthathwa komhlaba womntu ngomnye umntu, kodwa kutheni ethatha umhlaba, impendulo ithi kungokuba akanawo. Kumele ukuba sibavele usizi abantu baseKapa abadutyulwa, bebanjwa bavalelwa ngenxa yokufuna umhlaba.

Umhlaba lo lelinye lamalungelo elibaluleke ngaphezu kwezibonelelo zemali ezithsafazwa imihla ngemihla ngurhulumente. Kukwela Kapa apho sibone indoda ikhutshwa endlwini ize ngamapolisa ebengenalusini efunzwa yintiyo anayo ngakubantu abamnyama.

Ngenene kuthwa mabathini aba bantu, baxinene ematyotyombeni bosulelana ngezifo minyaka le, bayatsha kula matyotyombe. Kukho imihlaba enabanikazi bayo abahlala kwizindlu ezingangesibhedlele, baneefama ezingaphezu kweshumi.

Ingaba ulindele ukuba abantu bakwamkele ukuba akukho mthethweni ukuthatha umhlaba? Uphi umhlaba waba bantu bathatha umhlaba?

Undive kakuhle xa ndisithi zikho izinto eziyimpumelelo ezenzeke ngenxa yalo mqulu, kodwa asinakungabaza ukuthi wasilela ukukhulula umhlaba wabantu ukuba ubuyiselwe ebantwini.