UPokwana noPascoe balumkisa uTrollip

USodolophu waseNelson Mandela Bay uAthol Trollip, ufumene isilumkiso esivela kuVukile Pokwana kwakunye noGrant Pascoe ngelithi makangarhuqeli amagama obo eludakeni

UVUKILE Pokwana ekunye nogxa wakhe uGrant Pascoe
balumkise uSodolophu waseNelson 
Mandela Bay uAthol Trollip ngelithi
makohlukane nokurhuqela amagama abo eludakeni.
Oku kuza emva kokuba uTrollip edize ukuba
uyasikhonkxa isivumelwano senkampani iMohlaleng Media kwakunye neNelson 
Mandela Bay.

 UTrollip uthi kwiveki ephelileyo ucele ingxelo
equlathe esisivumelwano phakathi kwalo masipala neMohlaleng nesasityikitywe
kweyeDwarha ngo2014. 
“Ndothuke kakhulu ukuba umasipala iNelson Mandela Bay uchithe imali engange-R21
yezigidi zeerandi (R21 million) kwesi sivumelwano, apho inxalenye yaso
isetyenziwe ukuhlawula abantu abaqeshwe ngokwepolitiki. Oku kubonakalisa ukuba
yinkcitho engafanelekanga le,” utshilo uTrollip esithi ufuna ukuba iphandwe le
nyewe.

Kwimbalelwano uPokwana noPascoe bathe:
“Siyalwamkela naluphi na uphando. Ukukhawuleziswa kophando kwakunceda ukuhlamba
amagama ethu. Iyasiphazamisa into yokubona uSodolophu uAthol Trollip ekhupha
ingxelo erhuqela phantsi amagama ethu, futhi singathanda ukuba akhe athi xha
ngokuthetha kakubi ngathi phambi kokuba ufumanise iziphumo zophando olo
singanqwenela ukuba aliqale kungekudala.”

“Thina sangena ngenkampani iMohlaleng, ngelokunika
inkxaso kwezonxibelelwano kwi-ofisi kaSodolophu. Ngokusebenza kwi-ofisi
kaSodolophu, bekungekho nto ityhulu okanye engekho semthethweni ukubonwa
sikwiindibano zeANC kuba umasipala ubukhokelwa yiyo ngelo xesha,” sitshilo
esisibini.