‘Zizakuphanza iinzame zabo bathengelwe uchitha iPAC’ Mphahlele

Amagqala ePAC akhokelwe nguLetlapa Mphahlele kwingcwaba leNkumanda yokuqala yeAPLA uSabelo Phama, eBhaziya eMthatha izolo. USimosakhe Memani, Mzwanele Nyontso, Letlapa Mphahlele, noBishop Waters Toboti

INKOKELI yelinye, lamaqela angaboni ngasonye
kumbutho iPan Africanist Congress of Azania uLetlapa Mphahlele ithi
iyantlukwano kulo mbutho ibangwa ziinkokeli ezifumana inkxasomali yokuchitha
iPAC. UMphahlele ukuthethe oku ebhekisa kwelinye iqela lalo mbutho elikhokelwe
nguLuthando Mbinda, ngethuba ekutyelelo ebelenziwe ngamagqala ePAC kwingcwaba
lenkumanda yokuqala yeAPLA, uSabelo Phama, kwikhaya lakhe eliseBhaziya
eMthatha.

Olutyelelo ibiyinxalenye yemibhiyozo yePAC yeminyaka
engama55 kwasungulwa icandelo lomkhosi walo mbutho iAPLA. OkaMphahlele
ebephelekwe ngamagqala aquka uBhishop Waters Toboti, Mzwanele Nyontso, uWilliam Sibeko
nabanye.

Uthe kungelishwa ukuba le mibhiyozo ifike ngexesha
leyantlukwano enkulu phakathi kwenkokeli zalo mbutho. UMphahlele uthe
zizakuphanza ezonzame zezonkokeli zalo mbutho zinikwa imali yokuba
ziwutshabalalise.

Uwuchaze umhla weshumi elinanye (11) kule nyanga
yoMsintsi njengosuku olunembali etyebileyo kwihlabathini nakwi zwekazi leAfrika
liphela njengoko kuqatshelwa ukusungulwa kweAPLA ngo1961.  Uqhube wathi, “Isizathu sokuza apha eBhaziya
kulapho kwangcwatyelwa khona inkumanda yethu yokuqala yeApla uSabelo Phama. Le ikwayindawo
 ekwabulawa kuyo abantu abalishumi elinesixhenxe
uninzi lwabo ingamalungu osapho lakwaVulindlela. Lilonke sikwakhumbula amaqhawe
omzabalazo awela endleleni.”

Usihlalo wamagqala eAPLA uWilliam Sibeko uthe olu
suku lubaluleke kakhulu kuba yaba kukuqala kwedabi lezigalo. Uthe nangona lo
mbutho uqhuba le mibhiyozo azikafezekiswa izinto ezazisilwelwa yiAPLA. “Nangona
sibhiyoza siliqela kodwa ayikenzeki injongo yokusungulwa kweApla nanjengoko
umhlaba, izimbiwa noqoqosho zingekabuyeli kubantu bazo kwelilizwe,” utshilo
uSibeko.

Ubongoze urhulumente ngelithi makaqinisekise ukuba
ayabuyiswa amathambo amalungu eAPLA asahleli kamazwe angaphandle aquka iTanzania.
Lamagqala atyelele nekomkhulu kwaNkosi uJoyi eMputhi eBaziya.