‘Abantu bakruqukile ngamagosa arhuqa unyawo’

ABANTU baseMpuma Koloni baphelelwa lithemba
kurhulumente ongazifezekisiyo izithembiso zakhe, kwaye erhuqa inyawo kwizityholo
zorhwaphilizo. 
Oku kuthethwe yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo
Masualle ngethuba ebambe indibano neemanyano zabasebenzi eMonti ngoLwesine. Le
ndibano ibikwazinyaswe naziintloko zamasebe ephondo.

UMasualle uxelele amagosa aphezulu esirhulumente
sephondo ukuba athabathe amanyathelo aqatha ngakoomanejala abonqenayo,
abangahloniphiyo futhi abangenasakhono sokuthabatha izigqibo. 
“Uluntu lubonakalise mhlophe ngomhla wesithathu
kweyeThupha (umhla wovoto) ukuba lukruqukile ngamagosa angakhathalelanga
iimfuno zabantu. Ayamkeleki tu eyokuba sisabona amanzi nelindle elichichizayo
koomasipala bethu, kuphele iiveki neenyanga kungekho mntu ulungisa oko,”
utshilo uMasualle.

Uthi ngenxa yamagosa arhuqa unyawo, iMpuma Koloni
isoloko iyindawo yokuhlekisa, isonyeliswa kumabakala afana neziphumo zikaGrade
12 kwakunye nokusilela ekuchitheni imali yamaphulo okuqinisa izakhiwo
nemigangatho yephondo.

Iimanyano ebezimase le ndibano ziquka iSADTU,
NAPTOSA, DENOSA, PSA, HOSPERSA, POPCRU neNEHAWU. Ezimanyano zikhalaze
kuMasualle zisithi ukusetyenziswa kwabantu babucala (consultants), kulisenga
imali eninzi isebe zibe inkonzo zingabonakali.