UPutco ufuna amadoda aqwalasele impilo yawo

UPucto Mafani kumdlalo weGalufa kunyaka ophelileyo umfanekiso:

Umhlaza sisifo esiphala phambili ekugrayeni iimpilo zabantu, ngakumbi ezamadoda ngoba ukhula ngesantya esixhomis’amehlo.

Lo nto inyanzela iPutco Mafani Consulting kubekho into eyenzayo ukuze kusinde abantu.

Eli qumrhu licwangcise umdlalo weGalufa ngomso (Lwesihlanu), eHumewood, ngentsimbi yesibhozo ukuyothi xhaxhe kweyethoba. Kulindeleke lo msitho uzinyaswe ngabantu abathe qabavu abaphuma kwezoshishino nakwamanye amacandelo. Injongo yolu suku kukukhuthaza abantu bayokuhlolelwa isifo somhlaza. UPutco Mafani uxelele I’solezwe ukuba bazimisele ukuthundeza ootata ukuze bayovavanywa kuba ngabona bangakhuthalanga kwelicala lokuhlolwa izifo.

“Baninzi abantu ababhubhe ngenxa yomhlaza. Yiyo lo nto sithe masiphakame, nam ndalahlekelwa ngubhuti ngenxa yomhlaza ngo’2010. Abantu bacinga ukuba sisifo seswekile sodwa esiyingozi kanti akukho njalo,” utshilo uMafani.

Isifo somhlaza wamadoda sihlasele abantu abaziwayo abaquka uTat’uNelson Mandela noMfundisi uDesmond Tutu – kodwa bafumana unyango singekandi emva kohlolo. Kwiminyaka emibini, iPutco Mafani Consulting, isebenzisa amaphulo anje, iqokelele imali ephaya kwikhulu lamawaka eerandi ephise ngawo ukuze kuliwe nesi sifo. Bagxile ekufundiseni kakhulu amadoda kweli ityeli ngalo mbulala-zwe.