Uqhayisa ngombona uMzantsi Afrika

Isikhwebu sombona

UnyakaMALI ka20/21 uchazwe ukuba ngunyaka omhle kakhulu kwimveliso yombona kweli loMzantsi Afrika xa uthelekiswa neminyaka engaphambili.

Eqhayisa ngoku, uMphathiswa wesebe lezoLimo, uLobo namaHlathi, uThoko Didiza uthi ngumbona ozitoni ezilishumi elinesixhenxe nesiqingatha sezigidi (17.5 m) oveliswe ngamafama weli.

“Imveliso yethu yombona yalo nyaka ikhule ngamashumi amathathu ananye eepesenti xa kuthelekiswa nonyakamali ophelileyo, kwaye kusaqhutyekwa kuyavunwa. Uthi obu bubungqina bokuba ngenene ukusebenza nzima nokunyamezela kumafama weli kuneziphumo ezihle.

“Nangona sikwidabi lokujijisana nesifo seKhorona, kodwa siqinisekile ukuba siza kuba sinokutya okuziinkozo okwaneleyo ukuya phambili,” kutsho uDidiza.

Ngumbona okwiitoni ezimbini nesiqingatha zesigidi oza kuthunyelwa ngaphandle kweli oquka umbona omhlophe nombona obomvu.

ULandile Bobotyana ngumfama wombona eQuthubeni kuBengu eCacadu, kwaye umbona wakhe ukhe wathunyelwa kumazwe angaphandle.

“Ngo2015 umbona wam wawukho kwisixa sombona esasithunyelwe ngurhulumente kumazwe angaphandle, lo kuthethwa ngawo umbona ngosukela kwinyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, ukuza kuTshazimpunzi walo nyaka,” kucacisa uBobotyana. UWilliam Mthimkhulu ngutitshala odla umhlalaphantsi eMonti, wathatha isigqibo sokuvelisa umbona, uyangqina ukuba mninzi umbona walo nyaka.

“Khumbula ukuba imvula besinayo nakulo uphelileyo unyaka ngexesha lokulima umbona kwezinye ke iindawo zephondo. Nguwo lo kuba owalo nyaka uzayo kungona siza kuwuvuna emasimini,” kutsho uMthimkhulu.

Uninzi lwamafama amnyama asakhulayo athembele kakhulu kwimveliso yombona nanjengoko besafunda ngezinye iindlela zokulima nokufuya.

“Sizimisele ukuxhasa iinkqubo ezikhuthaza ukuvelisa ukutya okuza kuthunyelwa nakumazwe angaphandle, sikwaqinisekisa ukuba ukutya okufana nombona kuveliswa ngokwaneleyo ukuze ilizwe loMzantsi Afrika lixhamle,” kutsho uDidiza.

Ngonyaka ka2017, iNkomfa eyayixoxa ngemveliso yamazimba eyayikumgangatho wehlabathi yavelisa uluvo lokuba kuveliswe ingqolowa namazimba amaninzi.