URamaphosa ukhalimela ukubulawa kwamapolisa

Usekela mongameli welizwe uCyril Ramaphosa ukhalimela ukubulawa kwamapolisa UMFANEKISO: Kopano Tlape/GCIS

Usekela
mongameli weli uCyril Ramaphosa ukugxeke kabukhali ukubulawa kwamapolisa
okuqhubeka kweli, ngethuba ebethetha kwisikhumbuzo samapolisa abhubhele
emsebenzini 
ePitoli izolo. Amapolisa oMzantsi Afrika aqhuba esi sikhumbuzo minyaka le ngenjongo
zokukhumbula loomapolisa athe awa ngethuba esembenzini. “Bonke abantu ababulala
amapolisa mababanjwe bagwetywe ngokufanelekileyo, kuba ukubulala ipolisa
kukulwa norhulumente uqobo,”uthethe watsho uRamaphosa. Usekela mongameli
uthethe kulomsitho egameni likamongameli uJacob Zuma obekulindeleke ukuba enze
intetho ephambili kulomsitho.

 Intsapho
zamapolisa eziphuma kwilizwe ngokubanzi bezikho ukuzimasa nokhumbula onyana
nentombi zabo.”Uluntu loMzantsi Afrika maluncedise amapolisa ukubamba abantu
abahlele ukubulala amapolisa welizwe lethu, amapolisa akhusela abantu,” utshilo
uRamaphosa. Eli lizwe lelinye lamazwe anengxaki yokubulawa kwamapolisa
ngethuba esemsebenzini. Amapolisa akhunjulwe apha ngalawo abhubhe phakathi
kwenyanga ka Epreli wonyaka ophelileyo ukuza ku Matshi walonyaka, itshilo
ingxelo. Ngamashumi asixhenxe anesibini amapolisa abhubhe eMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo,kuwo angamashumi amane abhubhe ejijisana nolwaphulo mthetho, itsho ingxelo.