Ukutshiswa kwesikolo kukutshiswa komthombo wolwazi

Inqununu yesikolo iLower Tyirha uSamuel Mangati (ngasekunxele), ilungu lepalamente uMlungisi Ndamase (ecaleni kwakhe) ngethuba kuvulwa esisikolo samabanga phantsi kuQumbu. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Isikolo asiyonto yokutshiswa, koko ngumthombo
wolwazi. Lawo ibe ngamazwi elungu lePalamente uMlungisi
Ndamase ngethuba kuvulwa ngokusesikweni isikolo samabanga aphantsi iLower
Tyirha kuQumbu. 
OkaNdamase uyalele abazali bale lali ukuba
basikhusele esisikolo, kananjalo bafundise oonyana neentombi zabo ngokubaluleka
kwaso. 

Uthe, “Esisikolo sisiseko senkqubela kubantwana baseLower Tyira,
makufundiswe abantwana ukuba isikolo asiyonto yakutshiswa  kodwa yindawo
yokuxonxa inkokheli zexesha elizayo nekamva eliqaqambileyo, ikwangumthombo
wolwazi.” 
Isikolo saseLower Tyirha sivulwe ngokusesikweni
ngoLwesihlanu weveki ephelileyo, emva kokwakhiwa ngemali exabisa amashumi
amabini anesithathu ezigidi zerandi (R23 million) kwilali.

Abafundi besisikolo bathi bohlukene nokuhlekwa ngoogxa
babo kwizikolo ezikufuphi ngenxa yokufundela  ecaweni nakumagumbi
ethutyana. Umfundi uAnele Mtengwana owenza grade 8 uthe “Siyavuya
namhlanje ukwakhelwa  isikolo esitsha ngurhulumente. Isikolo sethu
besingafani  nezinye, besihlekwa ngabanye abafundi kusithiwa sifundela emikhukhwini
nasecaweni kodwa asatyhafa sisazi nesethu isikolo sizokwakhiwa ngenye imini.”

Bayi 324 abafundi besi sikolo, esakhiwe phantsi
kwenkqubo karhulumente iAsidi ejongene nokutshabalalisa izikolo zodaka
emaphandleni. Nangona sasungulwa ngo1932 bekungekho lula nanjengoko amagumbi
ethutyana ahlaselwa yinkanyamba ngo2012 sashiyeka sikwimeko embi nangakumbi.

Inqununu yesi sikolo uSamuel Mangati uthi abafundi
bebengamameli ngenxa yokuxinana kwindlu yecawe. “Siyavuya kakhulu kukufumana
lamagumbi mtsha, sizofundisa kakuhle kakhulu ngoku. Besifundisela amabanga amathathu
ubuncinane kwindlu yecawe enye, lonto ibikhokhelela ekubeni abafundi bangameli,”
Kutsho Mangati. 
Imiceli mngeni ejongene nesisikolo kukungabikho
kobogada ntoleyo ingumngcipheko ekubeni siqhekezwe.