Bancoma umsebenzi wephulo le HST eMthatha

Uluntu lwaseMthatha lifumana uncedo lwe Health Systems Trust, phambi kwaseCircus Triangle ngoMgqibelo. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Abantu bomandla waseMthatha baliqhwabele izandla
iphulo lequmrhu elizimeleyo iHealth Systems Trust lokukhuthaza uluntu ukuba
luzivavanyele izifo ezahlukeneyo eziquka isifo sikagawulayo. Eli qumrhu liqhube
iphulo elibizwa Better Off Knowing kudederhu lweevenkile iCircus triangle
eMthatha ngoMgqibelo. 
Injongo yeli phulo kukwenza igalelo kwinzame zeUN Aids zokutshabalalisa useleleko lwesifo
sikagawulayo ngaphambi ko2010. Intsika yalo ithi zivavanye, ufumane
unyango, uphile ixesha elide.

Uluntu lukwafundiswe ngemigaqo emitsha yonyango
karhulumente phantsi kwesebe lezempilo eqale ngomhla wokuqala kulenyanga.
UNozuko Zolani one 50 yeminyaka ubudala owenze uvavanyo ngethuba leliphulo
eMthatha uthi isizathi sokuba azivavanye ubume bempilo ufuna ukuzazi
kwangethuba. UZolani uthe “Siyavuya besizele kwiindawo esisebenza kuzo.
Mna njengomthengisi esitalatweni andibinalo ithuba lokuya kulamaziko empilo,
ukusizela apha erenkin kunciphisa ixesha. Ingase basoloko besiza ukuze nabanye
bazivavanye bayazi impilo yabo.”

USiyabulela Jali ongumntu omtsha uthe ubendisoyika
ngaphambi kokuzivavanya kodwa uyavuya ukwazi isimo sempilo yakhe. Imanejala
yezonxibelelano eHealth Systems Trust uJudith Annakie Eriksen uthi ukuza
ebantwini yeyona ndlela ilula kususela kuphehlelelwe iBetter Off Knowing kwinyanga
yeSilimela kulo nyaka. Ukwathi nangona sele behambe umgama obonakalayo
ukunciphisa ukosuleleka kwisifo sikagawulayo, kusekuninzi  ekusamele
kwenziwe, kuphinde kusetyenziswe amaqonga afana neengxoxo mpikiswano.

Oluvavanyo lwenziwa kumaphondo amane iMpuma koloni,
iLimpopo, iFree State
kwaneKwaZulu Natal.
iIngxelo zeHealth Systems Trust zidiza ukuba inani labantu abatsha linyukile
ingakumbi kwindawo ezifana neerenk. Kulindeleke eliphulo liqukunjelwe
ekupheleni kwale nyanga nanjengoko belibekelwe inyanga ezintathu kuphela.