URamaphosa uyalele uphando eMpuma Koloni

UMONGAMELI  Cyril Ramaphosa uyalele iButho loPhando eliKhethekileyo (SIU) ukuba liphande oomasipala kwakunye namasebe athile eMpuma Koloni ngokumayelana nokusetyenziswa gwenxa kwemali yombuso kuquka nokuziphatha ngendlela engamkelekanga kumagosa achaphazelekayo.


Isebe lezeziMali kwanelo lezoKhuseleko eMpuma Koloni ngawo aza kuphandwa yiSIU logama iQumrhu loPhuhliso (ECDC), iArhente yezoKhenketho neMiyezo (ECPTA) ingamaziko karhulumente ekuyalelwe ukuba aphandwe.

Oomasipala ababandakanyekayo yiBuffalo City, King Sabata Dalindyebo, OR Tambo neNelson Mandela Bay.

La masebe, amaziko karhulumente kwanoomasipala abakhankanywe kolu phando lweSIU, abandakanyeka kwibholo lokwehliswa ngomlenze kwemali eyayihlelelwe imisitho yeenkonzo zesikhumbuzo kwanomngcwabo kaNelson Mandela ngo2013.

Ingxelo ebikhutshwe nguMkhuseli woLuntu uAdvocate Busisiwe Mkhwebane nyakenye, idize ukuba kubekho ukungaziphathi ngendlela kumagosa aseMpuma Koloni ngethuba kusingethwe inyewe yemali yeenkonzo zesikhumbuzo kwanomngcwabo kaMandela.